UMalesela akayoyiki iBidvest Wits

Umqeqeshi weChippa United, uDan “Dance” Malesela, uyavuma ukuba iqela lakhe liphantsi koxinizelelo phambi komdlalo ophakathi kwalo neBidvest Wits, eBidvest Stadium, ngokuhlwa ngomso. IiChilli Boys ibethe iPlatinum Stars ngamagowuli amane kwelinye kumdlalo wePremier Soccer League ngoLwesithathu.

Impumelelo yeChippa iyincedile kakhulu kuba ikwazile ukubuyela kwindawo yesixhenxe, ilandela i-Orlando Pirates ehleli kwindawo yesithandathu. UMalesela uthi baphantsi koxinizelelo lokubuya nempumelelo eGoli ngoMgqibelo ukuze iphele isizini isendaweni entle.

“Uxinizelelo lukhona kumaqela omabini, kufuneka siqhubele phambili nempumelelo, iWits kwelayo icala isebenzela ukuvala umsantsa phakathi kwayo neMamelodi Sundowns ehleli kwindawo yokuqala. Ixhomekeke ekubeni leliphi iqela elizakumelana noxinizelelo,” utshilo uMalesela. “Kwimidlalo emininzi siqhele ukwenza kakuhle xa sidlala phantsi koxinizelelo. Andazi uzakuhamba njani umdlalo, kodwa xa siziqeqesha sisoloko sisebenzela impumelelo.”

Amanqaku abaluleke nangakumbi kwiBidvest Wits ehleli kwindawo yesibini kwiPSL. IWits ayiloqela libetheka lula xa lidlalela kowalo, into ethetha ukuthi iChippa izakwenyuka iqhina. Izinga lokuzithemba liphezulu kwiClever Boys, emva kokubetha iSuperSport United ngamagowuli amabini eqandeni kumdlalo wePSL ngokuhlwa ngoLwesibini. IChippa idlala kakuhle ngoku, ingakumbi uLerato Manzini ofake amagowuli amathathu kumdlalo wangoLwesithathu. UMalesela uthi wonwabile xa ebona ukuba iqela lakhe liyakwazi ukwenza amathuba lifake namagowuli. “Simbonile uManzini ukuba uyakwazi ukufaka amagowuli, sizakusoloko simkhuthaza ukuba awasebenzise nangakumbi kwimidlalo ezayo,” uvale ngokutsho uMalesela.

Imidlalo yePSL kule mpelaveki:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs SuperSport United (20:00),

Mgqibelo: Golden Arrowns vs Free State Stars(15:00), Polokwane City vs MP Black Aces (15:00).

NgeCawa: Jomo Cosmos vs University of Pretoria(15:00), Bloem Celtic vs Ajax Cape Town(15:00).