UDan Malesela noSteve Komphela bazakusebenzisa umdlalo wale mpelaveki ukuze bakhulule amaqela abawaqeqeshayo angafumani iziphumo eziphucukileyo. IChippa United yamkela iKaizer Chiefs kumdlalo wePSL ngo’18:00 eNelson Mandela Bay Stadium ngoMgqibelo.
Kulo umdlalo kulindeleke ababaqeqeshi baye edabini benenjongo enye: ukufumana amanqaku apheleleyo ekupheleni kosuku.
Lo nto soze ibelula macala, ngoba la maqela omabini akaqhubi kakuhle kwimidlalo yePSL. Kwimidlalo esixhenxe, iChippa United, ayiphumelelanga nomnye umdlalo – kanti nayo iChiefs inemidlalo emine eyidlalileyo ngaphandle kwempumelelo.
Kungoku nje uDan Malesela unxubile emva kokuba iChippa idlale ntanganye ngo’1-1 neMaritzburg United kumdlalo obuseHarry Gwala Stadium ngoLwesibini. Zimbini iingxaki ajamelene nazo uMalesela: kukungakwazi kwabadlali bakhe ukusebenzisa amathuba nokuvulela amagowuli lula. Umdlalo weChippa mhle ngokungenambaliso – kodwa kuyanyanzeleka ngoku ifake amagowuli ukuze iphumelele imidlalo.
“Amagowuli angacacanga angena kuthi ayandixhalabisa – kodwa kwangaxeshanye siphosa amathuba. Umxelela njani umdlali xa ephose ithuba elicacileyo? Kufuneka basebenzise amathuba ngokugqibeleleyo,” utshilo uMalesela emva komdlalo phakathi evekini.
Isiqalo seChippa khange sibesihle kule sizini, akukonakali kangako kodwa ukuba bangazilungisa iimpazamo zabo.
Amakhosi eza kulo mdlalo ekhangela impumelelo emva kwemidlalo emine kungekho nto ayifumanayo. Phakathi evekini iChiefs ibambene neCape Town City ngo’1-1 kumdlalo obuseFNB Stadium. USteve Komphela uye woneliseka ngumdlalo wabadlali bakhe – kodwa ziziphumo eyona nto ayifunayo.
“Kufuneka siqhubele phambili thina ngaphandle kokukhalaza,” utshilo uKomphela emva komdlalo obunzima. Abalandeli beChiefs sebemhewule izihlandlo ezibini kule sizini. Leyo into icacisa mhlophe umonde ophelayo kubo.
NgoMgqibelo: Mamelodi Sundowns vs Free State Stars @Loftus Stadium 15:30; Platinum Stars vs Polokwane City @Royal Bafokeng Stadium 15:30; Orlando Pirates vs Highlands Park @Orlando Stadium 20:15; Ajax Cape Town vs Golden Arrows @Athlone Stadium 20:15.
NgeCawe: Bloem Celtic vs SuperSport United @Dr Molemela Stadium 15:30; Baroka FC vs Maritzburg United @New Peter Mokaba stadium 15:30.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro