Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwi-Absa Premier Soccer League, iChippa United, libuyele enkomeni ngokusesikweni kwaye lilungiselela isiqalo esitsha sesizini ka’2016/17.
Umqeqeshi uDan “Dance” Malesela udibene namakhwenkwe akhe okokuqala kwiveki ephelileyo eBhayi, apho lizinze khona eli qela. IiChilli-boys ziya kwisizini entsha zincumile futhi zikhuthazeke ngakumbi emva kokuba zizenzele imbali ngokuthi zifumane indawo yesithandathu ekupheleni kwesizini ka’2015/16.
Le yeyona ndawo iphezu efunyenwe yiChippa United ukusukela oko yathi yadlala kwinqanaba eliphezulu kwibhola yoMzantsi Afrika.
Yonke lo nto yenzeke phantsi kukaMalesela oqeshwe ngokusisigxina emva kokuhamba kukaRoger Sikhakhane ekuqaleni konyaka. Iinjongo zeli qela zicacile; umqeqeshi walo wayibeka yacaca ekupheleni kwesizini ka’2015/16 eyokuba ufuna iChippa ilwele iindebe kwisizini entsha. Ngaphandle kwabadlali abathile abahambileyo, bonke abanye abantu babuyile kuquka nabantu abafana noMbuyiselo Sambu[isekela mqeqeshi], uBrian Van Der Heever[Ojongene noonozinti] noMadoda Moyo.
“Ndonelisekile ngabadlali abakhoyo. Bonke bakhona futhi akukho namnye ofike emva kwexesha. Samkela noRhulani Manzini ophuncukileyo kumonzakalo,” utshilo uMalesela kwikhasi lomnatha leChippa United.
Njengokuba iChippa United ikwazile ukubonisa uMzantsi Afrika into engayenza, ngoku abalandeli bebhola balindele izinto ezingcono kule sizini.
“Njengoko bekulindelekile, abadlali bethu basiphuncule isimo ebebekuso phambi kweholide, ngoku kufuneka sizame ukubabuyisela kwezi veki zimbini. Sinabadlali apha abavavanywayo, abancwase ukudlalela iChippa, kodwa inye nje indawo endixhalabisayo; kuphaya emva. Kufuneka siqinise khona phambi kokuqala kwesizini entsha,” utshilo uMalesela.
Iphulukene nabadlali abafana no-Eric Chipeta, James Okwuosa noNkosinathi Mthiyane phaya emva, ngoku kunyanzelekile ifune abadlali abanamava ukuze kungabikho iimpazamo ezenzeke kwisizini edlulileyo.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV