UMalesela ukhala ngezigqibo zabadlali bakhe

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, ethetha emva komdlalo. Umfanekiso: BackpagePix

Idlale kakuhle iChippa United kumdlalo wayizolo ngoba ikwazile ukuyibamba iMamelodi Sundowns kwade kwasi siqingatha sesibini ingafumenanga nto – kodwa umqeqeshi usola ukubhutyuza kwabadlali bakhe njengoyena nobangela owenze ingaphumeleli.

IiChilli-boys zibethwe ngo’1-0 yiSundowns kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi weMTN 8 eLucas Moripe Stadium ebusuku izolo.

Nangona libethiwe eli qela lizinze eBhayi, kodwa, liyisokolisile iSundowns edlisela ngabadlali abakumgangatho ophezulu nabanamava kakhulu kwimidlalo yokhuphiswano.

Igowuli ekuphela kwalo elikhuphe iChippa United kwiMTN 8 lifakwe sisitshovu-tshovu, u-Anthony Laffor, ongene kwisiqingatha sesibini.

Ebeuzwa emva komdlalo ngeyona nto ichane iqela lakhe, uDan Malesela, uthe kuncinci kakhulu okwahlukanise la maqela kulo mdlalo.

“Bendisazi ukuba amagowuli angeke abemaninzi kulo mdlalo. 1-0, okanye 1-1, zezo iziphumo ebendizilindele. Izigqibo zabadlali bethu ezingafanelekanga zizo ezenze umahluko kulo mdlalo. Ukuba besithathe izigqibo ezifanelekileyo xa singena kumhlaba kanozinti, ngesithetha enye into. Siyafunda kodwa kwezi zinto – nantso into ebalulekilyo,” utshilo uMalesela.

Liye liqhwalela iqela likaDan Dana emva kokungabikho kukaKapteni wakhe uThamsanqa Sangweni – oye wanyanzeleka ukuba ashiyeke eBhayi ngenxa yokwenzakala akufumene ekuqaleni kweveki.