UMalesela usamkele isiqalo sakhe esihle

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, wonelisekile ziziphumo zomdlalo wokuqala eziveliswe liqela lakhe kumdlalo wokuvula isizini ye-Absa Premier Soccer League.

IChilli-boys zibethe iFree State Stars edlale umdlalo ophucukileyo ngo’2-1 kumdlalo obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ngokuhlwa ngoLwesibini. Amakhwenkwe kaDan “Dance” Malesela ayitshaye isaqhuma ngokuthi afake igowuli lokuqala ngomzuzu wesihlanu kwisiqingatha sokuqala.

Igowuli lifakwe yifolosi uRhulani Manzini ngomzuzu wesihlanu. Lo nto inyanzele iFree State Stars ukuba izame ukufumana igowuli lokulinganisa. Ngokwenene kwenzekile oko ngomzuzu weshumi elinesithandathu ngebhola efakwe nguSekola Moeketsi. Eli gowuli lingene emva kokuba abadlali basemva beChippa United bebhutyuze ibhola ebisuka ekoneni phakathi emhlabeni kanozinti.

Aqhubele phambili omabini la maqela ngokuhlaselana nokudlala umdlalo omhle. Kuthe xa sisondele ekupheleni isiqingatha sokuqala iChippa, yafumana igowuli lesibini elifakwe nguManzini kwakhona. Kwisiqingatha sesibini omabini amaqela aphose amathuba okufaka amagowuli – kodwa ke ekugqibeleni iqela laseMpuma Koloni lilo eliphumeleleyo.

“Mandivume zininzi iimpazamo esizenzileyo – kodwa masamkele ukuba kusaqala isizini. Mhlawumbi iigqondo zabadlali zikwiMTN 8,” utshilo uMalesela emva kwalo mdlalo.

Eli qela lizinze eBhayi lindulukela eMntla Ntshona – apho lizakudlala nePlatinum Stars kumdlalo weMTN 8 kumabala aseRoyal Bafokeng ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.