UMalesela uyabathembisa abantu baseMonti

UDan 'Dance' Malesela ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi weChippa United, uDan “Dance” Malesela, akazimiselanga kuyibulala intlizo yakhe ngokwenzeke kumdlalo odlulileyo, endaweno yoko, uzimisele ukuguqula izinto kumdlalo olandelayo.

IiChilli Boys zincwase ukuqokelela amanqaku apheleleyo kule midlalo emibini yokugqibela kulo nyaka ukuze zivale zikwindawo engcono.

Eli qela lizinze eBhayi lizakwamkela iHighlands Park kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube useSisa Dukashe Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.

Amakhwenkwe kaMalesela kufuneka avuthulule aye phambili emva kokubethwa ngo’1-0 yiPolokwane City kumdlalo obuseNew Peter Mokaba Stadium izolo.

“Khange sikwazi ukuzilungiselela kakuhle njengokuba usazi ukuba sisendlela esuka emdlalweni wayizolo. Alukho uqeqesho esilwenzileyo namhlanje. Sakuqala ukuzilungiselela ngomso xa siseMonti. Siza kwindawo esixhaswayo kuyo kakhulu, kubalulekile siwulungele umdlalo,” utshilo uMalesela kweli phephandaba labantu – I’solezwe lesiXhosa.

Ethetha ngokwenzeke kumdlalo wayizoli, lo mqeqeshi uthethe wenjenjwe: “Akukho nto ingako eyonakeleyo kumdlalo wethu izolo ngaphandle kokuba singakwazanga ukusebenzisa amathuba – bona (Polokwane City) basebenzise ithuba elinye abalifumeneyo. Ndibalumkisile abadlali ngexesha lokuphumla ukuba lo mdlalo uzakuphela unegowuli elinye qha.”

Ngumdlalo omhle into eziqaqambisa ngayo iChippa United kuzo zonke iindawo ehamba kuzo – kodwa kule imidlalo ishiyekileyo – kufuneka iqinisekise ukuba umdlalo wayo ngamnye ukhatshwa ngamagowuli ngoba ukuba akunjalo, izinto zingayinzimela kunyaka ozayo.

“Kufuneka sidlale kakuhle futhi sibonwabise abantu. Siphantsi koxinizelelo ngoba kufuneka siyiphumelele yonke le midlalo mibini ilandelayo. Sinethemba lokuba ukudlala kwethu eMonti kwakuthi kusincede kakhulu; yindawo esifumana kuyo inkxaso kakhulu. Ndiyabazi abalandeli bazakuza ngobuninzi babo kwaye ngabo abazakuthi basiphe amandla athe chatha,” uvale ngalo mazwi uMalesela.

Umdlalo uzakubanzima ngoba nayo iHighlands Park iphantsi koxinizelelo nangona ibethe i-Ajax Cape Town ngo’2-1 kumdlalo wayizolo eMakhulong. Kodwa ukuba iChippa United ingakwazi ukudlala ngala ndlela ebethe ngayo iKaizer Chiefs kutsha nje eNelson Mandela Bay Stadium – izinto zingayihambela kakuhle. UGordon Igesund ufuna ukusuka emsileni phambi kokuphela kwalo nyaka, ukubetha iChippa kule mpelaveki kungalinceda iqela lakhe.