UMalesela uyikhabile emoyamanisa nePirates!

Umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, uwakhabe ngawo omane amahem-hem amoyamanisa nesikhundla sokuqeqesha i-Orlando Pirates.

Le ndedeba ibithetha neentatheli emva komdlalo obuphakathi kweChippa United neMamelodi Sundowns ngoLwesibini wale veki eSisa Dukashe Stadium, eMonti.

Umdlalo uphele ebambene ngeqanda emva kokuba omabini amaqela engakwazanga ukusebenzisa amathuba ngenxa yemozulu nebala ebekungadlaleki kakuhle kulo.

“Andazi kwanto ngokuya kwiPirates. Ndisebenza phantsi koxinizelelo ngoba abantu bacinga ukuba yinto eseyigqityiwe le. Abantu baseGoli nasePitoli bayenze nkulu le nto ngokungathi yinto ekhoyo. Benza ngathi ndizohlawulwa imali, uvalwe lo mba. Kusekutsha ukuba ndingathi ndingahamba ngoba sizama ukwakha into apha,” utshilo uMalesela.

UDance wonelisekile ziziphumo azifumene phakathi evekini – kodwa ukhale ngebala eliwenze nzima kakhulu umsebenzi weqela lakhe.

NgeCawe emalanga, iChippa United idibana etshatshalazeni neBlomfontein Celtic kumdlalo wePSL, eDr Molemela Stadium, ngo’15:30.

Iqela leMpuma Koloni liya kulo mdlalo ngaphandle kukaThamsanqa Sangweni ongazudlala ngenxa yamakhadi. Indawo yakhe kulindeleke ithathwe nguDiamond Thopola.

pedro.mapelo@inl.co.za