UMaluleka uthi iChiefs isenalo ithuba lokuphumelela indebe yePSL

Siyabonga Ngezane, Daniel Cardoso, George Maluleka, Hendrick Ekstein and Kgotso Moleko of Kaizer Chiefs during the Kaizer Chiefs Training on the 20 February 2019 at Kaizer Chiefs Village Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Njengokuba
kubonakala ngathi idabi lokuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League
liphakathi kwamaqela amathathu – umdlali weKaizer Chiefs, uGeorge Maluleka,
uthi nelakhe iqela lisenalo ithuba lokuyiphakamisa indebe ekupheleni kwesizini.
UMaluleka ebethetha neentatheli phakathi kule veki emva kokwamkela iwonga
alinikwe yiPSL ngenxa yegowuli lakhe elichongwe ngabalandeli njengelona liphume
phambili kwamanye. Amakhosi abila ebanda kule sizini, ngenxa yaloo nto – ahleli
kwindawo yesixhenxe kwiPSL emva kwamashumi amabini onke emidlalo ayidlalileyo. Ukugqwidiza
kwayo iChiefs, ukonzakala kwabadlali bayo abaliqela nokutshintshwa kwabaqeqeshi
zezinye zezinto ezingunobangela wokungacaci komsebenzi ewenzayo kule sizini.

Umsantsa ophakathi
kweChiefs neBidvest Wits echophe enkcochoyini yePSL ngamanqaku asixhenxe. UMaluleka
uthe iqela lakhe liya kwiPolokwane
City
emalanga ngomso [ngoMgqibelo]
likwazi kakuhle ukubaluleka kokuqokelela amanqaku apheleleyo. “Yah, umdlalo
ubaluleke kakhulu. Ukufumana amanqaku onke kwakuthetha ukuthi sisenalo ithuba
lokulwela indebe yePSL. Ndicinga ukuba sinyanzelekile ukuba siwuphumelele
umdlalo ngenxa yabalandeli bethu. Kunyanzelekile sifumane amanqaku neziphumo
ezihle emdlalweni. Sisenalo ithuba lokuphumelela indebe. Ndiqinisekile
singayenza lo nto. Sakuba sidlalelani ukuba asizithembanga ukuba singayenza le
nto. Amaqela amaninzi alahle amanqaku emidlalo yayo – lo nto iqinisa ngakumbi
amathemba wethu,” utshilo uMaluleka ethetha eGoli.

Umdlalo uza
kudlalelwa ePeter Mokaba ngentsimbi yesithathu ngomso. Ngamaxesha onke, umdlalo
ophakathi kweChiefs nePolokwane, usoloko utaka iintlantsi futhi uneziphumo
ezothusayo. Ngeke iChiefs ibuye nawo onke amanqaku eLimpopo ukuba ayizimiselanga.
Abadlali bePolokwane City
bakhuthazekile emva kokubambana ngegowuli elinye macala neMamelodi Sundowns
emdlalweni wePSL odlalelwe eLoftus Stadium ngoLwesibini ebusuku kule veki. Wona
Amakhosi aya kukhuthazwa kukubuya neziphumo ezihle kwiNedbank Cup abethe kuyo
iThe Magic FC ngo’3-0 eNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.