UMalusi angabonwa kwiTwo Oceans

Imbaleki yaseDutywa, uYanga Malusi, igoduke newaka leerandi lonke emva kokuphumelela umdyarho ekuthiwa yiMercedes Benz 15km ngeCawe

Imbaleki yaseDutywa, uYanga Malusi, igoduke newaka leerandi lonke (R1 000) emva kokuphumelela umdyarho ekuthiwa yiMercedes Benz 15km ngeCawa edlulileyo.

Impumelelo kaMalusi (22) ilandela enye ayifumene kutshanje eMonti – apho afumene imali eyanayo emva kokuphuma phambili kwiSole Destroyer 21km.

Kwiindawo zaseMnquma naseMbhashe, laziwa kakhulu eli tyedyana laseGwadana ngoba alinantanga kwicandela lezembaleki.

Kwiiveki ezidlulileyo, uMalusi uqhumisele iimbaleki ngothuli ngethuba efumana indawo ephambili kumdyarho ubungumgama oziikhilomitha ezintandathu.

UMalusi uxelele I’solezwe lesiXhosa imfihlelo yakhe njengembaleki esakhulayo.

“Ixesha lam lonke ndilichitha ekuziqeqesheni ngoba ukubaleka yeyona nto endiyenzayo kwaye andingomntu usebenzisa itha xa ndiziqeqesha. Mhlawumbi ke yinto endibachana ngayo abanye abantu. Mna ndisebenzisa ingca xa ndiziqeqesha,” utshilo uMalusi.

Uthe indlela aziqeqesha ngayo yenza umahluko omkhulu xa esele ebaleka etheni ngexesha lomdyarho.

Ngokwamava wakhe uMalusi, uthi ucinga ukuba xa uziqeqesha etheni isantya sakho siba sesanzi – kanti xa usebenzisa ingca, iye ikutsalele phantsi kwaye. Lo nto yenza ubenesantya esiphezulu xa usetheni.

Ukuziqeqesha kwakhe engceni kuyamnceda xa ebaleka etheni ngoba ubanesantya esiphezulu.

Umqeqeshi kaYanga, uThulani Sidziya (35), obeyinxalenye yomdyarho, uye waphuma kwindawo yokuqala kwabo baneminyaka ephakathi kweyi’35 ne’39.

USidziya uthe iZwelonke Athletic Club iyoneliseka yindlela eziqhuba ngayo iimbaleki emidyarhweni kwaye ufuna uMalusi ayokubaleka nakwimidyarho emikhulu efana neeTwo Oceans 21km ukuze akwazi ukukhuphisana noompondozihlanjiwe beembaleki.

Uluhlu lweembaleki ezintlanu ezithe zaphuma phambili ibe nguYanga Malusi, uMalixole Kalideni, uSive Tshokotsha, uSiya Kholisi noThulani Sidziya.