Umnikazi weRoyal AM, uNksz. uShaun Mkhize nonyana wakhe uAndile Mpisane, baza kuthawuzizwa emalahleni yiPremier Soccer League emva kokuyintywilisela ehlazweni kwimpelaveki egqithileyo. Oku kuqinisekiswe izolo emini ngumtshutshisi wePSL, uMnu. uNande Becker. Emva kokuba iRoyal AM ibethe iMaritzburg United ngo’2-1 emdlalweni weDStv Premiership ngeCawe egqithileyo, uMpisane nonina bashicilelwe ngeeKhamera befolisa abadlali ebaleni beza kubanika imali ebikhutshwa emvulophini enkulu. Ingxelo ithi uMamkhize ugqibe kwelokuba abanike ibhonasi abadlali bakhe emva kokuphumelela imidlalo emine yeDStv Premiership ilandelelana. Yimali engamakhulu amabini engamaphepha (R200) ebibonakala yenziwe iziqhuma ebilungiselelwe abadlali ababonakele bengakuthandi ukunikwa imali esidlangalaleni.
Kudale isankxwe okwenziwe ngabakwaMkhize kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook noTwitter ngoba yinto engaqhelekanga futhi ephambene nomthetho welizwe. Kulindeleke ityala lixoxwe ngomhla weshumi elinane kule nyanga yeDwarha. “Elona tyala eliphambili yindlela ababhatelwe ngayo abantu abethathe inxaxheba kula mdlalo. Sigxekiwe kakhulu ngabalandeli bebhola ngokwenzeke emva komdlalo. Simangalele negosa lempilo elingakwazanga ukuqinisekisa ukuba bonke abantu bazogqume ngeemaskhi ebaleni. Elinye ityala lelokungena kwabantu ebaleni babe bengavumelekanga,” utshilo uBecker kumajelo eendaba. Kwelinye icala, Impempe.com ikhuphe ingxelo ethi ingqonyela yeRoyal AM, uMnu. Sinki Mnisi, khange abakwaMkhize baphathe imali ebaleni emva komdlalo.
Ayikokokuqala iRoyal AM isematheni. Phambi kokuqala kwesizini, iRoyal AM ilwe nePSL ezinkundleni zamatyala ifuna ukunyuselwa emva kokuba yasuswa kwindawwo yokuqala yiSekhukhune United ngomzuzu wokugqibela kwisizini ephelileyo kwiGladAfrica Championship. Kodwa yanyukela kwinqanaba eliphezulu ngokuthenga iBloemfontein Celtic eyayintyumpantyumpeka kwiingxaki zemali. Kulindeleke ikomiti yePSL yoluleko imgxize ngesigwebo esiqatha ngoba ebenesigwebo esixhonyiweyo kakade. Ngokwengxelo zamajelo eendaba, uMakhize khange abone nto igwenxa kwinto ayenze kwiveki ephelileyo kwaye uthe uza kwenza nokuba yintoni acinga ukuba ilungile kwelakhe iqela.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo