UMamkhize uyivele ngemva iChiefs wayithathela uSamir Nurkovic

USamir Nurkovic ngumdlali weKaizer Chiefs. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Njengokuba isizini yeDStv Premiership, amaqela amaninzi aza kuphulukana nabadlali abaninzi. Iindaba ezivakalayo zithi Amakhosi azakuphulukana nomnye wabadlali abaphambili, uSamir Nurkovic. Ingxelo ekhutshwe yiKickOff.com ithi iqela likaMamkhize, iRoyal AM, liyivele ngemva iKaizer Chiefs layithathela uNurkovic phambi kokuphela kwesizini ka-2021/22. Bonke abadlali abanezivumelwano zengqesho eziphelelwa xa kuphela isizini okanye ngenyanga yeSilimela baye bavumelela eKwindla ukuba bakhangele amaqela amatsha abaza kuwadlalela kwisizini ezayo. UNurkovic wenze kanye lo nto kwakucaca ukuba iChiefs ayizimiselanga ukuvuselela isivumelwano sakhe sengqesho.

UNurkovic ufike kwiChiefs eminyakeni emithathu egqithileyo esuka eSerbia – ilizwe lakhe lokuzalwa. Watyikitya isivumelwano neChiefs seminyaka emibini kongezwa owesithathu. Phantsi kukaErnst Middendorp, ifolosi yaseSerbia yadlala kakuhle kakhulu. Kwisizini yakhe yokuqala, uNurkovic ukwazile ukufaka amagowuli alishumi elinesine. Lo nto yamenza wanomkhoka kakhulu. Amaqela amakhulu afana neAl Ahly yaseYiphutha eqeqeshwa nguPitso Mosimane akhe amfuna. Kwanyanzeleka ukuba Amakhosi ambophelele ngomnye unyaka – kodwa izinto khange zimhambele kakuhle phantsi kukaGavin Hunt noStuart Baxter.

Uhleli ixesha elide engadlali kunyaka ophelileyo ngenxa yokonzakala. Ukusukela oko ethe wabuyela ebaleni kulo nyaka, uNurkovic ufake igowuli elinye kuphela. IRoyal AM iqhube kakuhle kakhulu kwisizini yayo yokuqala kwiDStv Premiership ukusukela oko umnikazi wayo wathenga iBloemfontein Celtic kunyaka ophelileyo. Ukuba izinto ziyihambele kakuhle, ingavala isizini ikwindawo yesibini. Ngoku abaphathi bazama ukuqulela isizini ezayo ngokuthatha umdlali ofana noNurkovic ekuthiwa utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emibini. Kulindeleke uNurkovic alandelwe ngabadlali abaninzi njengokuba iChiefs ikhangela abadlali abanokuyikhupha endlaleni yeminyaka esixhenxe.