Xa iChippa United isamkela i’Orlando Pirates namhlanje, uMorgan Mammila uthi iqela lakhe ufuna lidlalele ukuphumelela . IChippa idibana nePirates emdlalweni weDStv Premiership oza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya. Iqela lakhe liya emdlalweni wanamhlanje lidlale ntanganye neKaizer Chiefs neTS Galaxy ngaphandle kokufumana amagowuli. Kodwa okuhle kwelinye icala kukuba akukafakwa nakuyo. Emdlalweni wesithathu, iChippa kufanele kubekho into eyifumanayo phambi kokuba ishiywe ngamanye amaqela. Abadlali beChippa abadlala emva kufuneka bazilungiselele ngokupheleleyo ngoba baza kujongana noZakhele Lepasa oxakileyo, uPatrick Maswanganyi oluncedo kakhulu kwabanye abadlali noMonnapuleng Saleng oyingxaki enkulu xa engabekwanga esweni ephikweni.
UMammila kufuneka aqwebe iqhinga lokukhonkxa uLepasa osele enamagowuli amahlanu emidlalweni emithathu kwisizini eqhubekayo. Okucacileyo isizini isaqala kukuba iPirates ayikonqeni ukufaka amagowuli. Umqeqeshi weChippa uxelele abeendaba ukuba uyayazi indlela abayingozi ngayo abadlali bePirates. “Kufuneka umdlalo siwulawule xa sidlala nabo. Eyona nto esiyifunayo kukuphumelela umdlalo kungafakwa gowuli kuthi xa sidlalela ekhaya,” utshilo uMammila. Kwakufuneka abadlali bakhe bazimisele kakhulu ukuze zenzeke zonke izinto azifunayo. Okuza kunika umdla kukuba uMorgan Mammila uza kuyalela iqela lakhe ukuba lihlasele na okanye lihlale emva ligade ithuba elivelayo lokufaka igowuli.
“Kubalulekile ukuqokelela amanqaku isizini isaqala. Sifuna ukusuka kwindawo yeshumi elinanye esikuyo sinyukele ngasentla kwiDStv Premiership. Sifuna ukubonisa abantu indawo esifuna ukuvala isizini sikuyo, hayi phaya emsileni. Kufuneka sifake amagowuli – kodwa siqinisekise ukuba akufakwa nto kuthi,” utshilo uMammila ecatshulwa yiDiskiTV. Kwiisizini ezigqithileyo, uMnu. Siviwe Mpengesi ubagxothile abaqeqeshi abangakwazanga ukuphumelela emidlalweni emihlanu xa kuqala isizini. UMammila waqala ukuba ngumqeqeshi emva kokuthatha iintambo kuDaine Klate obeqale isizini egqithileyo esengumqheliswa njengaye ngoku. Komnye umdlalo, iMamelodi Sundowns iza kungquzulana neGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership. IDowns iyiphumelele yomibini imidlalo yayo, iArrows iphumelele wamnye yaze yadlala ntanganye komnye.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa