UMammila ulamkele inqaku elinye izolo ngoba usayakha iChippa United

iChippa United ibambene ngeqanda neTS Galaxy emdlalweni weDStv Premiership obuseNelson Mandela Bay Stadium izolo. Umfanekiso: CU/Facebook

Yimidlalo mibini eseyidlalwe yiChippa United kwisizini yeDStv Premiership entsha. Kuloo midlalo, idlale ntanganye kuyo yomibini. Izolo iChippa ibambene ngeqanda neTS Galaxy emdlalweni weDStv Premiership obuseNelson Mandela Bay Stadium. Ngumdlalo ebekufanele ukuba iChippa iwuphumelele ngenxa yamathuba ewafumeneyo nangenxa yokuba ibidlalela ekhaya. Kuye kwanyanzela ukuba yamkele inqaku elinye emva kokuba amaqela omabini engakwazanga ukuphumelela. UMorgan Mammila uzamkele iziphumo zomdlalo noxa ebencwase amanqaku amathathu. “Namhlanje sidlale ngendlela enomahluko. Besifuna iibhola zikhawuleze zifike ebhokisini yeTS Galaxy ngoba besifuna amagowuli emdlalweni osekhaya,” utshilo uMammila, obuye ebobotheka luncumo eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, apho iqela lakhe libuye nenqaku elinye emva kokubambana neChiefs.

Njengokuba iChippa United iliqela eliyibeka phantsi ibhola, liyigcine kulo lisiya phambili lisebenzisa isantya, umqeqeshi uthi bebefuna ukudlala ukudlala umdlalo owahlukileyo. “Isicwangciso sethu ibingekokugcina ibhola kuthi kulo umdlalo. Siyenzile into ebesiyifuna kwimizuzu yokuqala yomdlalo kwaye bekufanele ukuba silifumene igowuli. Nayo (iTS Galaxy) ikwazile ukudala amathuba emdlalweni ngenxa yendlela ebesidlala ngayo namhlanje. Sifuna umdlalo oya phambili ngoku. Yindlela leyo esifuna ukudlala ngayo. Iyingozi yona ngoba sisayakha iChippa United. Mandibancome abadlali ngokudlala kakuhle. Kungekudala, siza kulifumana igowuli siphumelele nemidlalo ukuba akufakwa magowuli kuthi emidlalweni,” utshilo uMammila emva komdlalo obuseGqeberha ebusuku izolo.

Ebuzwa ngokuthenga abadlali abatsha, uMammila uthe imakethe ayikavalwa – kodwa iChippa iyabakhetha ngoku abadlali ebathathayo. “Siyabakhetha ngoku abadlali. Kodwa ndicinga ukuba siza kuyifumana into esiyifumanayo,” uvale ngaloo mazwi uMammila obuyele ukuthatha iChippa United ayibeke kwiTop 8 ekupheleni kwesini ukuba kuya ngokwakhe. Emdlalweni olandelayo, iChippa iza kwamkela i’Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership ngoLwesibini weveki ezayo. Ngumdlalo oza kuba nzima kwiChippa esakhangela impumelelo yayo yokuqala – kodwa ekunyanzelekileyo ilwele ukuba kubekho into eyifumanayo. Amanye amaqela, aquka iChippa United, aza kufumana ithuba lokuphumla ngempelaveki ngenxa yemidlalo yesiqendu esitsha seMTN8 Cup esiphehlelwe namhlanje eGoli.