Iqela lesizwe lamantombazana adlala iqakamba linomqeqeshi omtsha. Oku kwenzeke emva kokuba iCricket South Africa (CSA) ichonge uMandla Mashimbyi njengomqeqeshi uza kuxhuzula imikhala kwiqela lesizwe lamantombaza. Ezi ndaba zibhengezwe ngumbutho olawula iqakamba eMzantsi Afrika ngempelaveki egqithileyo.
Ukuchongwa kwakhe uMashimbyi kulandela ukuqhuba kakuhle kwakhe kwiTitans – apho aphumelele khona iindebe kanti ezimenze umqeqeshi anguye ngoku. “Kungovuyo olukhulu ukwamkela uMandla njengomqeqesho omtsha weProteas Women. Siqinisekile ukuba uza kuwenza kakuhle kakhulu umsebenzi wakhe.
“Okuhle kukuba ungena esikhundleni sakhe esitsha enamava nendlela entsha yokwenza izinto,” utshilo uEnoch Nkwe oyingqonyela yeCricket South Africa. UMashimbyi ungena endaweni kaHilton Moreeng owenze umsebenzi oncomeka kwiqela lesizwe. Phantsi kwakhe iqela lesizwe lijike emidlalweni yokugqibela yeCricket World Cup,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiCSA.
UMashimbyi ulamkele ngezandla ezishushu uxanduva alinikiweyo futhi uzimisele ukuwenza umsebenzi kakuhle. “Ndilibulela ngokungazenzisiyo ithuba endilinikwe yiTitans Cricket endikhulisileyo ndangumqeqeshi. Ndikwamkela ngokukhulu ukuzithoba ukubekwa kwam esikhundleni futhi ndiyalazi uxanduva lwam nokulindelekileyo kum.
“Ndibulela inkxaso endiyikwe yiTitus kule minyaka egqithileyo ngoba indikhulisile,” utshilo uMashimbyi oneminyaka engamashumi amane anesine. Ufike ngexesha elibi iqela lesizwe lixakekile. Kodwa ngoba uyindoda eqheleneyo nemisebenzi enzima kwiqakamba, uza kuyibamba itshisa injalo aye phambili.
“Ndibulela ukunikwa ithuba lokuqeqesha iProteas Women ekufuneka siyiphakamise ibe phakathi kwamaqela angoompetha kwiqakamba yehlabathi,” utshilo uMashimbyi emva kokuchongwa kwakhe. Emva kweentsuku ezimbalwa ethathe iintambo, uMashimbyi uza kuqeqesha iProteas xa ithathana neNgilane emdlalweni wosuku olunye namhlanje.
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!