UMandla Ncikazi uyishiye namazwi ambalwa iGolden Arrows emva kwesizini ebintle

UMandla Ncikazi akasenguye umqeqeshi weLamontville Golden Arrows. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Emva kokuvakala kweendaba ngohamba kwakhe kwiLamontville Golden Arrows, uMandla Ncikazi uphawule okokuqala namhlanje. Ukuhamba kwakhe kothuse abantu abaninzi ngoba iGolden Arrows uyithathe wayibeka endaweni yesine kwiDStv Premiership – indawo entle eyayigqibela kudalala kwinqanaba lebhola eliphezulu eMzantsi Afrika. Izolo iGolden Arrows ikhuphe isigqigqana sesaziso ngorhatya esithi yohlukene noNcikazi. Khange sichazwe isizathu sokuhamba kwakhe emva kokubaphakamisa Abafana Bes’thende esebenzisa abadlali abangenamagama amakhulu. UNcikazi ulishiya iqela laKwaZulu-Natal emva kokulisebenzela ishumi elinesihlanu lonke leminyaka. Ekuqaleni kwakhe, wayengumncedisi kaManqoba Mngqithi.

Usebenze nabantu abaninzi emva kokuhamba kukaMngqithi – kodwa uye waqaqamba kakhulu esebenza noSteve Komphela – obeqeqesha Abafana Bes’thende phambi kokuya kwiMamelodi Sundowns ekuqaleni kwesizini kunyaka ophelileyo. “Umqeqeshi uMandla Ncikazi akasenguye umqeqeshi weLamontville Golden Arrows FC. Konke oku kwenziwe ngemvisiswano phakathi kwethu naye. Sifuna ukubulela umsebenzi omhle asenzele wona. Nanini na efuna ukubuya wamkelekile. Thina simnqwenelela okuhle kodwa,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiGolden Arrows izolo ngorhatya. Uhamba kekambe uNcikazi enegama elihle. IGolden Arrows iphumelele imidlalo elishumi elinanye, idlale ntanganye kwelishumi elinesine yaze yabethwa kwemithandathu kwisizini ephelileyo.

“Ndishiya imbali encumisayo. Okuthethwe entlanganisweni kwakuhlala kuyindaba yakwamkhozi. Ndiyathemba lo nto iyakuba njalo. Ndilinqwenelela okuhle kodwa iqela,” utshilo uNcikazi namhlanje. Ukuhamba kwakhe kudale iingxoxo kumakhasi onxibelelwano ngoba bekusaajongwe ukuba uza kuhlala kwiGolden Arrows. Nangona kungekabikho nto eqinisekisiweyo, iingxelo zithi uya kwi-Orlando Pirates. Ezimnyama kuthiwa zincwase ukwenza uSteve Komphela umqeqeshi wazo omtsha, ancediswe nguNcikazi kwisizini ezayo. Nakubeni uJosef Zinnbauer ephumelele indebe yeMTN 8, wafumana nendawo yesithathu kwiDStv Premiership – kuthiwa iPirates ayonelisekanga. Yiyo lo nto ifuna ukwenza iinguqu. UKomphela uselisekela likaMngqithi noRhulani Mokwena kwiSundowns.