UMandla Ncikazi wePirates akaboni bunzima kwiChiefs emva koweCAF!

UKeagan Dolly weKaizer Chiefs noThabang Monare we-Orlando Pirates emdlalweni weDStv Premiership owawuseFNB Stadium kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMandla Ncikazi, ukholelwa kwelokuba ukudlala neKaizer Chiefs iza kuba ngumsebenzi olula emva kwemidlalo enzima yeCAF Confederation Cup. OkaNcikazi ukuthethe oku ngethuba encoma iPirates evuthulule iRoyal Leopards ngo’6-2 eqale yophisa kwisiga sokuqala eMbombela Stadium kwiveki ephelileyo. Ngoku iPirates iza kwamkela iChiefs emdlalweni weDStv Premiership onzima oza kudlalelwa eFNB Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo. Nangona amaqela aseSoweto emane egqwidiza nje emidlalweni yawo – kodwa kuzaw’dlan’iintsimbi emdlalweni wangempelavkei ngaphandle kwamathandabuzo.

Omabini amaqela aya emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu lilizwe lonke ekhuthazekile emva kokuphumelela imidlalo yawo ngempelaveki egqithileyo. Amakhosi abethe iBaroka FC ngo’1-0 emdlalweni ebekufanele awuphumelele ngamagowuli amaninzi. UNcikazi uthi ukudlala neChiefs kuza kuba yinto elula ngoba imidlalo yeCAF ililungiselele ngokwaneleyo iqela lakhe. “Ukungahambi kakhulu kuza kwenza izinto lula xa sidibana neChiefs,” utshilo uNcikazi. Yinto engathathwa njengendelelo leyo yiChiefs. Ibancede ke lo nto abalandeli ngoba iza kuba nefuthe emdlalweni. Abalandeli bamaqela omabini abaxolanga yindlela amaqela wabo aqhuba ngayo kwiDStv Premiership.

Ukuphumelela idabi laseSoweto kwakunika umqeqeshi ngamnye ithuba lokufumana inkxaso yabalandeli kwakhona. UStuart Baxter iya kwiPirates onwabile emva kokubetha iBaroka. Uvumile ukuba ukudlala nePirates kwahlukile kweminye imidlalo – kodwa okumchulumancise kakhulu bubukho babadlali bakhe bonke. “Ukudlala nePirates kwahlukile. Okumnandi kukuba abadlali bethu bakhona bonke,” utshilo uBaxter emva kokubuya namanqaku amathathu eLimpopo. Kulindeleke abadlali abafana nooNgcobo (bobabini), uNgezana, uParker noSabelo bakulundele ukudlala ngoMgqibelo. Njengokuba iSundowns itshele kwindawo yokuqala, iChiefs nePirates zilwela indawo yesibini ukuze zikwazi ukuphindela kwiCAF Champions League.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Baroka vs TS Galaxy @Peter Mokaba Stadium, 15:30; Orlando Pirates vs Kaizer Chiefs @FNB Stadium, 15:30; Cape Town City vs Sekhukhune United @Cape Town Stadium, 17:00; SuperSport United vs AmaZulu @Lucas Moripe Stadium, 19:30; Maritzburg United vs Mamelodi Sundowns @Harry Gwala Stadium, 19:30

Cawe: Royal AM vs Swallows @Chatsworth Stadium, 15:30; Golden Arrows vs Chippa United @Princess Magogo Stadium, 15:30; Marumo Gallants vs Stellenbosch @Peter Mokaba Stadium, 17:30