UManitz angalahlekelwa ngumsebenzi kwiBulls

Kulindeleke utshintsho kakhulu eLoftus Versfeld nje- ngokuba ifikelele esiphelweni isizini yeSuper Rugby kumaqela amaninzi oMzantsi Afrika.

Umqeqeshi weBulls kwiSuper Rugby, uNollis Marais nguye ozakuxhuzula imikhala engena endaweni kaHendre Manitz.

UMarais bekulindeleke ukuba athathe ikhefu ekuqeqesheni xa iphelile iSuper Rugby, alungiselele unyaka ozayo kodwa akuzokuba njalo.

Ngenxa yokungadlali kakuhle kweBulls, abaphathi beli qela bathathe isigqibo sokuba uMarais ibenguye ozakuqeqesha eli qela. Akukachazwa ukuba uMarnitz nabancedisi bakhe bazwakwenza de uphele lo nyaka.

Ingqonyela yeBulls uBarend van Graan ukhethe ukuthi cwaka ngotshintsho elwenzekayo ngoku eLoftus kwaye akukho zimpendulo bazikhuphayo.

IBulls ibonise ukuphucuka sele izakugqitywa imidlalo yokuza kwiCurrie Cup, kodwa abaphathi beli qela kuye kwacaca ukuba abonelisekanga yindlela eliqhube ngayo eli qela.

IBulls khange ikwazi ukuzibonakalisa amandla ayo xa bekudlalwa imidlalo yobukhaya yokulwela ukuza kwiCurrie Cup. Iphele le midlalo eli qela lihleli kwindawo yesixhenxe. Kudala kuvakala amazwi abantu abathile eLoftus nabathi kufike ixesha lokuba uMarais awaqeqeshe ngokwakhe omabini amaqela, eleCurrie Cup neSuper Rugby.

Kukho inqwaba yabadlali ababalulekileyo abazakuhamba eLoftus ekupheleni konyaka baye kumazwe aphesheya. Kunyanzelekile uMarais anikwe ithuba lokuba ahlale nabadlali abaqhele, phambi kokuqala kwesizini entsha.