UManqele ubuyele kwiChippa United kwakhona

Fares Hachi of Mamelodi Sundowns and Edward Manqele of Free State Stars during the Absa Premiership 2017/18 game between Free State Stars and Mamelodi Sundowns at Goble Park, Bethlehem on 11 September 2017 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Ifolosi ebikade
idlalela iFree State Stars, u-Edward Manqele, ibuyele kwiChippa United
ngokusesikweni. UManqele ucele kuqhawulwe isivumelwano sengqesho ebenaso neli
qela laseFree State phambi kokuphela kwenyanga
yokuqala kulo nyaka. Oko wakwenzeka emva kokuthi ndiii kweendaba ezithi
uyafunwa kwakhona yiChippa United. Namhlanje usihlalo weChippa, uSiviwe
Mpengesi, uxelele amajelo endaba iindaba ezithi lo mdlali utyikityiwe liqela
lakhe.

UManqele,
30, ubuyela kwiChippa United ityeli lesibini. Ngo-2015 wafika kwiiChilli Boys
emva kokuchithwa yiMamelodi Sundowns engazange imsebenzise kakuhle – kodwa zange
ahlale kakhulu eBhayi ngoba wathathwa yiKaizer Chiefs. Izinto zange zimhambele
kakuhle eNaturena – kodwa nangenxa yokukhathazwa kukonzakala. “Ewe, ngumdlalo
wethu uManqele,” utshilo uMpengesi kwiKickOff Magazine namhlanje.

Lo mdlali
wazenzela igama kwiFree State Stars – apho wafaka amagowuli alishumi elinanye
kwisizini ka-2011/12 phantsi kwesandla sikaSteve Komphela. Wababuthuntu lo
mdlali mhla waye kwiDowns engazange imnike ithuba lokudlala emidlalweni yayo. Ngoku
kulindeleke lo kaMmanqele azame ukuvuselela ikhono lakhe lokudlala ibhola
ekhatywayo phantsi kukaTeboho Moloi. UManqele ufika emva kwabadlali abaziwayo
abatyikitywe leli qela lizinze eBhayi, abafana noThabo Rakhale, uLinda Mntambo,
uBantu Mzwakali, uFares Hachi noFrederick Nsabiyumva.