UManqoba Mngqithi akafuni ukunconywa yedwa ngokuvuka kuShalulile

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uthe ukuvuka kukaPeter Shalulile kwakhona yinto eyenziwe liqela lonke, hayi yena engumqeqeshi oyintloko. UManqoba uzityande igila ngoPeter Shalulile emva kokuba iSundowns ibhulelele amasaka iKaizer Chiefs ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eFNB Stadium ngempelaveki edlulileyo. Emva kwamagowuli amabini afakwe nguRayners (Iqraam), uShalulile ufake elakhe.

Kanti phakathi evekini, uShalulile ufake amagowuli amabini emdlalweni iSundowns ebethe kuwo iCape Town City ngamagowuli amathathu eqandeni. Konke oku kwenzeke emva kwexesha elide uShalulile ezama ukufaka amagowuli engakwazi. Izinto ziguqukile emidlalweni egqithileyo, ukuzithemba kubuyile kuye. “Andifuni ukuzincoma ngokudlala kakuhle kukaShalulile,” utshilo uManqoba emva komsebenzi omhle owenziwe liqela lakhe elinethuba lokuphumelela indebe yeCarling Knockout.

“Yonke into iqale phaya kuye. Ndingatsho ndithi uShalulile ngomnye wabadlali endisebenze nabo abaziphethe kakuhle ebomini bam njengomqeqeshi. Usebenza ngokuzimisela okukhulu ngamaxesha onke. Ingqondo usoloko eyibeke emsebenzini wakhe. Ndicinga ukuba lo nto yenze kwalula ukuba wonke umntu afune ukumnceda. Wonke umntu eqeleni ebemnqwenelela okuhle uShalulile. Into esingayenzanga thina kukumncama. Simdlalisile thina emidlalweni ngoba besifuna ade afumane amagowuli.

“Into endingafuni ukuyenza kukufuna ukudunyiswa ndodwa. Wonke umntu uzamile ukumnceda uShalulile – kodwa nguye obehamba phambili ngokusebenza kakuhle. Ndiqinisekile ukuba sonke besimbeka emthandazweni ukuze akwazi ukubuyela kwisimo sakhe,” utshilo uMngqithi emva komdlalo eFNB Stadium. Umqeqeshi uzamkele iziphumo zomdlalo – kodwa wabagxeka abadlali bakhe ngokungafaki amagowuli amaninzi kakhulu amathuba okwenza lo nto evelile emdlalweni.