Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, akafunanga ukuxhentsa ezombelela emva komdlalo ngempelaveki – kodwa uyicacisile into ethi akukho nto etshintshileyo eqeleni lakhe. Oku ukuthethe emva kokuba iSundowns ibethe iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership obuseFNB Stadium ngempelaveki egqithileyo.
Amanqaku afunyenwe yiSundowns ayithathe ayibeka endaweni ephezulu emva kokuphumelela yomithathu imidlalo kule sizini. Bekukho kwakho ingxoxo eshushu nokumbomba okwenziwe ngabalandeli beMamelodi Sundowns emva kokuba ikhutshwe kwangoko kwiMTN8 Cup ekuqaleni kwesizini. Kodwa eyona nto edale ukungonwabi ebantwini kukungadlaliswa ngendlela eqhelekileyo kwabadlali abaquka uThemba Zwane, uKhuliso Mudau noTeboho Mokoena.
Ekuqaleni kwesizini, uManqoba wathi umdlali ngamnye uza kuyilwela indawo yakhe. Abantu abaninzi bamgxeke ngelithi udiliza umsebenzi omhle obusenziwa nguRulani Mokwena. Ethetha emva komdlalo eFNB Stadium, umqeqeshi uthe uyazazi izinto ezilungileyo nezifuna ukulungiswa kwiSundowns qha abantu bakhawuleza bavakalise izimvo zabo bengaqwalaselanga into eyenziwayo.
“Ndicinga ukuba ibikukungazi ebantwini abe besenza ingxolo ekuqaleni kwesizini. Khange sitshintshe nto, endaweni yoko, siqinise isiseko seqela,” utshilo uManqoba. Amasandawana ahleli phezulu kwiBetway Premiership emva kokuyiphumelela yonke imidlalo yawo kwisizini eqhubekayo. “Sihlala endaweni enabantu abavele bagqibe ngezinto ezithile bengaqalanga baziqonda.
“Ngoku sigqibela sinabantu abacinga ukuba kukho izinto ezenziweyo kube kungenjalo. Enyanisweni, into esiyenzileyo kukunyusa isantya somdlalo weSundowns ngoba ibingenzi kakuhle ncam xa ihlasela. Andifuni ukuthi iziphumo zemidlalo zindikhulule. Sendinexesha elide ndilapha kwiSundowns futhi ndiyakwazi okubi nokuhle okwenzekileyo. Ndiyazazi iindawo ezifuna ukuphuculwa. Ukuba bendisisidenge okanye ndingazithembanga, bendiza kuguqula izinto zenziwe ngendlela yam,” utshilo uMngqithi ngempelaveki egqithileyo.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10