UManqoba Mngqithi unexhala leCape Town City kunamanye amaqela

uEric Tinkler ngumqeqeshi weCape Town City, yena Manqoba Mngqithi ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Isiqendu esitsha seDStv Premiership sika-2022/23 siza kuvulwa ngoLwesinu ngomdlalo ekulindele utake iintlantsi phakathi kweCape Town City neMamelodi Sundowns. Umdlalo uza kube useCape Town Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya. Iintshatsheli zeDStv Premiership, iMamelodi Sundowns, ziza kuzama ukukhusela indebe yazo okwesithandathu amatyeli elandelelana. Kodwa nangona kunjalo, umqeqeshi wazo uManqoba Mngqithi uvakele njengomntu onexhala lokudibana neCape Town City ehlaze iSundowns ngamagowuli amathathu kuvalwa isizini egqithileyo. UMngqithi uthe ubona iCity neRoyal AM njengamaqela anokukhuphisana neSundowns ngaphezulu kweKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates kwisizini entsha.

Amakhosi avale isizini ekwindawo yesihlanu, yona iBucs ikwindawo yesithandathu. “Amaqela aza kukhuphisana neSundowns okwangoku yiCity, iRoyal AM neStellenbosch. Onke loo maqela aqhube kakuhle kwisizini ephelileyo kwaye asengayenza ingxaki kwakhona,” utshilo uMngqithi ethetha neentatheli. “Amanye amaqela kufuneka aphucule iindawo abekuzo. Ndiyabona iChiefs nePirates zinabadlali abatsha abaninzi. Kodwa ke loo maqela adlala kakuhle emva kwexesha elide xa enabadlali abatsha. Kulindeleke iSundowns ibe lelona qela elinamandla kwakhona ngenxa yabadlali elinabo. “Ukudibana neCity ndingathi ngowona mdlalo onzima esingawulindela. Ivale isizini kwindawo yesibini kwaye ikhululile kwisizini egqithileyo.

“Siza kudlala neqela eliza kudlala kwiCAF Champions League eliqeqeshwa ngomnye wabaqeqeshi abaphambili eMzanti Afrika (uEric Tinkler). Siyakwazi okulindelekileyo emdlalweni – kodwa ndicinga ukuba singabuya neziphumo ezihle,” utshilo uMngqithi. Naye umdlali wasemva kwiSundowns, uRushine de Reuck, uvumile ukuba iCape Town City ayiloqela ekulula ukudlala nalo. “Siyazi ukuba eKapa ngeke kubelula ukuphumelela. ICity ayibetheki lula endaweni yayo. Nangona kunjalo, kufuneka siwuphumelele umdlalo wokuqala wesizini ngoba lo nto iza kusinika amandla okuya phambili,” utshilo uDe Reuck.