Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uyigalele amanzi yaphola into yokungaphumeleli kweqela lakhe emdlalweni wayizolo. Oku kulandela emva kokuba iSundowns ibambene ngeqanda neAS Maniema emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium ngorhatya izolo.
Ziziphumo ezibi ezi zifunyenwe yiSundowns izolo ngoba inganzinyelwa kakhulu xa iseDemocratic Republic of Congo. Nakubeni kunjalo, umqeqeshi uthe unalo ithemba leziphumo ezihle xa kudlalwa umlenze wesibini nakwimidlalo elandelayo yeChampions League. Abantu abaninzi sebeqalile ukuvakalisa ukungonwabi kwabo kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook.
Kwiveki ephelileyo, iSundowns igoduke iqhwalela emva kokubethwa yiMagesi FC emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout Cup. Kanti phambi koko, iSundowns iphoswe yiMTN8 Cup ethathwe yi’Orlando Pirates kwinyanga ephelileyo. Emdlalweni wayizolo, uManqoba wenze iinguqu eziliqela eqeleni lakhe. Abadlali abaquka uShalulile, uMvala, uModiba nabanye khange babekhona emdlalweni.
“Ndicinga ukuba sidlale kakuhle kakhulu. Ukusukela kwindlela esizilungiselele ngayo ukuya emdlalweni, senze kakuhle. Ngoba sisuka emdlalweni obungempelaveki, abanye abadlali bethu bebediniwe. Besinexhala lokonzakala kwabadlali. Kuhle ngoba akukho mdlali owonzakeleyo,” utshilo uMngqithi emva komdlalo.
“Umdlalo ubulawulwa sithi sidlala neqela elidlala kakuhle. Into esingakwazanga ukuyenza kukufumana igowuli emdlalweni. Ezinye izinto sizenze kakuhle kakhulu,” utshilo umqeqeshi. Amaqela amaninzi ancedwa kukuphumelela imidlalo esekhaya kwiCAF Champions League ngoba kunzima ukudlalela kwamanye amazwe. Nangona kunjalo, umqeqeshi usenalo ithemba lokuhle.
“Senze kakuhle ngokulawula umdlalo. Besidlala neqela eliyingozi futhi eliza kothusa abantu abaninzi. Kodwa ndiqinisekile ukuba siza kuqhuba kakuhle xa sidlala nalo kwakhona. Bakhona abadlali endicinga ukuba abadlalanga ngendlela ebesilindele ngayo – kodwa ndanelisekile ngumsebenzi weqela,” utshilo uMngqithi owongeze ngelithi iDowns iza kwenza ngcono emidlalweni elandelayo.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF