UManqoba Mngqithi uthi iMTN8 Cup iza kuphunyelelwa yiMamelodi Sundowns

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuyithatha indebe yeMTN8. Oku ukuvakalise ngethuba ethetha namajelo eendaba phambi komdlalo ophakathi kweSundowns neStellenbosch FC namhlanje ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya eLucas Moripe Stadium namhlanje. Kwelinye icala, iCape Town City iza kudibana ne’Orlando Pirates emdlalweni oza kube useCape Town Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya emva kokuhlehliswa kwawo izolo ngenxa yemozulu embi enyanzele iPSL ukuba ibeke phambili ukhuseleko lwabantu.

UMngqithi uthi iSundowns iza kuba liqela lokuqala elithathe indebe yeMTN8 ngoku inemali ezizigidi ezilishumi (R10-million). Akemtshanga kwiMTN8 ngoba wakhe wayithatha esengumqeqeshi weLamontville Golden Arrows eyabetha iAjax Cape Town ngo’6-0 ngonyaka ka2009. “Inkulu le ndebe. Bendikhe ndathi ndim umqeqeshi wokuqala owaphumelela iMTN8. Nangoku ndicinga ukuba sithi abokuqala abaza kuphumelela iMTN8 ngoku ihamba nezigidi ezilishumi,” utshilo uMngqithi kule veki.

“Abadlali bethu abatsha bonke bakwisimo esihle futhi bayathembisa emva kokuqhelana naba kudala bekhona. Nakubeni abanye abadlali besabhaliswa – kodwa ndifuna ukutsho ukuba bonke abadlali bakulungele ukudlala ngoLwesithathu. Sinethemba lokuba baza kulinceda iqela liphumelele,” utshilo uMngqithi ongene ezihlangwini zikaRulani Mokwena ngoku oqeqesha iWydad Athletic Club yaseMorocco. Kulindeleke ukuba uMngqithi abonise kwiMTN8 into aza kuyenza kule sizini njengomqeqeshi weSundowns.

Nakubeni iStellenbosch FC ithengise abadlali ebikade ithembele ngabo – kodwa kulindeleke ukuba uSteve Barker asebenzise abadlali abaza kuyilwela. Kunyaka ophelileyo izamile iStellenbosch ukuphumelela iMTN8 – kodwa izinto azayihambela kakuhle emva kokubethwa yiPirates. Izinto zithande ukwahluka kancinci ngoba iStellenbosch silwela ukuphumelela indebe yesibini emva kokuba ifumene indebe yeCarling Knockout kwisizini egqithileyo eyeyokuqala kwinqanaba eliphezulu.