UManqoba Mngqithi uyayivuma iMagesi FC eza kudibana neSundowns

UManqoba Mngqithi ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: MS Facebook

UManqoba Mngqithi uvumile ukuba iMamelodi Sundowns iza kudibana neMagesi FC eyingozi kakhulu emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout Cup. OkaMngqithi uchaze indlela ayibona ngayo emva kokuba iSundowns itywatyushe iMarumo Gallants ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weCarling Cup obubanjelwe eDr Molemela Stadium emalanga ngeCawe egqithileyo. Noxa inyuke umnqantsa emdlalweni – kodwa iphumelele iSundowns ngenxa yabadlali bayo abanamava.

Iziphumo zomdlalo azingqinelani ncam nokwenzeke emdlalweni. Amasandawana akwazile ukuphumelela – kodwa ayazi ukuba asinde cebeshu kwiMarumo Gallants ezamileyo ukuphumelela umdlalo. Nakubeni kunjalo, amagowuli afakwe ngabadlali abayingozi, uLucas Ribeiro noNeo Maema, aqinisekise impumelelo ebidingwa yiSundowns. Ziindaba azamkele ngovuyo uMngqithi ngoba ngoku unethuba lokuphumelela indebe yokuqala emva kokuba iDowns iphoswe yiMTN8 ekuqaleni kwesizini.

“Kunzima kakhulu ukudlala neMagesi. UClinton Larsen ngomnye wabaqeqeshi abakwazileyo ukwakha iqela elidlala kakuhle emva – kodwa liyingozi kakhulu naxa lihlasela. Liqela elilushica,” utshilo umqeqeshi weSundowns emva komdlalo izolo. Umdlalo wokugqibela weCarling Knockout Cup uza kubanjelwa eToyota Stadium, eBloemfontein, kwiveki zayo. Abalandeli bebhola baseFree State banikwe umdlalo omkhulu ngoba basoloko bephuma ngobuninzi rhoqo xa benikwe imidlalo.

“Mandiwancome amaqela aseLimpopo ngoba adlala kakuhle. Abaqeqeshi bawo bakwazile ukwakha amaqela adlala kakuhle. Imidlalo inika umdla ngoku kwiPSL ngoba akukho qela eliya emdlalweni lisazi ukuba liza kuphumelela okanye liza kubethwa. Ndonwabile mna ngoba siya emdlalweni wokugqibela,” utshilo uManqoba. Kunyanzelekileyo iSundowns iphumelele ngoba ujongiwe uMngqithi onikwe umsebenzi emva kokugxothwa kukaRulanu Mokwena phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo.