UManqoba Mngqithi uyifuna ibethiwe iSummerfield Dynamos emdlalweni weNedbank Cup

UManqoba Mngqithi ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns ethetha neentatheli phambi komdlalo weNedbank Cup. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uthi iqela lakhe ngeke lilisuse unyawo emcepheni kuba lidlala neqela elisuka kwinqanaba elisezantsi. Oku kuthethwe uMngqithi kanye xa iSundowns ilungiselela ukudibana neSummerfield Dynamos emdlalweni weNedbank Cup oza kube useLoftus Stadium emalanga ngoMgqibelo. Amasandawana aya emdlalweni ongempelaveki ukuzithemba kuphezulu ebadlalini emva kokubetha iAl Merrikh ngo’3-0 kwiCAF Champions League ngempelaveki egqithileyo neSwallows FC ngo’4-2 emdlalweni weDStv Premiership ekuqaleni kwale veki. UMngqithi uthi iSundowns iza kudlalela ukuphumelela xa idibana neqela eliqeqeshwa nguClinton Larsen – omnye wabaqeqeshi abaziwayo ebholeni yaseMzantsi Afrika kodwa oqeqesha kwiMotsepe League.

“Akululanga kwaphela ukuphumza abadlali bakho abaphambili xa usiya emdlalweni wendebe. Ewe, uyazama ukuzenza iinguqu phaya naphaya – kodwa kufuneka ulumke,” utshilo uMngqithi ethetha neentatheli. “Nangona iDynamos idlala kwiMotsepe League – kodwa inabadlali abasuka kwiPSL kwaye lo nto iveza ubungozi bayo. Sijongana nomdlalo ngamnye ngenkulu imbeko ewufaneleyo. Sisoloko sizama ukunika abadlali abohlukeneyo ithuba – kodwa kufuneka abadlali abaza kunceda iqela ebaleni,” utshilo umqeqeshi. Akafunanga nokuyiva ekaLarsen othe iqela lakhe alinalo ithuba lokubetha iqela elifana neSundowns.

“Akukho mqeqeshi oya emdlalweni engafuni ukuphumelela. Wayeqeqesha iCeltic (uLarsen) eyabetha iSundowns emdlalweni wendebe,” utshilo uMgqithi ongomnye wabaqeqeshi abaqeqesha iSundowns ekulindeleke idlale nePetro de Luanda yase-Angola emdlalweni weCAF Champions League kwiiveki ezizayo. Emva kokuphumelela iMTN8 Cup okokuqala kunyaka ophelileyo, iSundowns ilwela ukuphumelela iindebe ezintathu ngoku enethuba elihle lokuziphumelela. Eyona iphambili kukuphumelela inede yeDStv Premiership ukuze ibuyele kwiChampions League.