UManqoba uyifungel’ iAl Ahly emdlalweni osePitoli

UManqoba Mnqgithi ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uthi iqela lakhe liza kuziphindisela kwi-Al Ahly ephumelele ngo’2-0 emdlalweni weCAF Champions League kwimpelaveki egqithileyo. Amasandawana amkela iqela likaPitso “Jingles” Mosimane emdlalweni wesibini weChampions League oza kube useLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo. UMngqithi akayoyiki iAl Ahly kwaye unethemba lokuba iifolosi, uPeter Shalulile noGift Motupi, ziyakufaka amagowuli ngendlela encomekayo emva kokubuya nelize eCairo. Ukuze iDowns idlulele phambili kwiChampions League kunyanzelekile ifake amagowuli amathathu eqandeni.

Ingenzeka lo nto? Noxa uJingles engasoze avume – kodwa uManqoba uthi iSundowns ingaphumelela ngoba iAl Ahly ayiqinanga ncam emva. “Ndicinga ukuba sidlale kakuhle. Ibe lilishwa nje ukungafumani kwethu igowuli. Zange ndibone qela eliya kwi-Al Ahly lifike lidlale njengeli lethu. Ngenxa yokudlala kwethu kakuhle, iAl Ahly ibizikhabela phambili iibhola zayo endaweni yokubeka phantsi ibhola njengesiqhelo. Ndicinga ukuba sidlale kakuhle kakhulu,” utshilo uMngqithi. Ethetha ngokulindeleke ePitoli emdlalweni olandelayo, uMngqithi uthe:

“Asiwasebenzisanga amathuba – kodwa sithi abadlale umdlalo ongcono kunayo iAl Ahly. Umdlalo wokuqala ubufana nje nesiqingatha sokuqala. Kusayiwa ePitoli. Ndinethemba lokuba izinto zakusihambela kakuhle xa sisekhaya. Siliqela elikwaziyo ukufaka amagowuli amaninzi. Into eyingxaki kuthi ngoku kukuba kufakwe amagowuli amabini kuthi.” Emva kokuphumelela umdlalo wokuqala, uPitso uthe iSundowns lelona qela elinethuba lokuphumelela indebe yeChampions League ngoba idlale umdlalo ongcono kunelakhe. “Idlala umdlalo obukelekayo iSundowns – kodwa ke ziziphumo into ebalulekileyo ebholeni. Siwafumene amagowuli, eyona nto ebesiyifuna. Andingeke ndithi sesidlulile; ndizibonile izinto zisenzeka ebholeni,” utshilo uPitso.