UManyama ubulele iGolden Arrows kwaqina ithemba leChiefs lokungena kwiTop 8

ULebogang Manyama ubuye namagowuli amathathu emdlalweni weDStv Premiership, iKaizer Chiefs ebethe kuwo iGolden Arrows ngo’3-2 eFNB Stadium. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Isekhona intlantsi yethemba kwiKaizer Chiefs emva kokuba ibuye ngasemva yabetha iGolden Arrows ngamagowuli amathathu kwamabini (3-2) emdlalweni obutshisa eFNB Stadium ngolu rhatya. ULebogang Manyama liqhawe leChiefs emva lokufaka amagowuli amathathu eyedwa emdlalweni wanamhlanje. Le yimpumelelo yokuqala yeChiefs emva kokuba igxothe umqeqeshi wayo, uGavin Hunt, kwiveki ephelileyo okulandele ukubethwa kwayo yiBlack Leopards ethotyiselwe kwiGladAfrica Championship emva kokubethwa namhlanje. UBruce Bvuma wenze umsebenzi omhle zisuka emdlalweni ngethuba evala ibhola embi ebikhatywe nguKnox Mutizwa.

Ibhalise ebhodini kuqala iGolden Arrows ngebhola efakwe nguMichael Gumede kwisigaba sokuqala. Ilinganisile iChiefs ngebhola efakwe nguManyama onikelwe ibhola nguWillard Katsande – obengasadlaliswa kakhulu kusekho uHunt. Amaqela omabini aye kwixesha lokuphumla ebambene ngo’1-1 nangona iChiefs ibikhe yanalo ithuba lokufaka elinye igowuli. Iphinde yakhokela iGolden Arrows emva kwebhola efakwe ngu-Eric Mathoho ezipalini zakhe. UManyama ufake ugowuli lakhe lesibini emva kokunikelwa ibhola entle nguNkosingiphile Ngcobo ongene kwisigaba sesibini somdlalo.

Kuthe xa kushiyeke imizuzu engaphezulu kancinci kweshumi kuphele umdlalo, uManyama ubhakuzelise umnatha okwesithathu atsho Amakhosi anyukela kwindawo yethoba. Kweminye imidlalo: iCape Town City ibethe iBlack Leopards ngo’3-1, AmaZulu, abambelele kwindawo yesibini, abethe iSwallows ngo’1-0, iMamelodi Sundowns ibethe iBloemfontein Celtic ngamagowuli amabini afakwe nguPeter Shalulile, iBaroka FC ibethwe yi-Orlando Pirates ngo’2-1, iSuperSport United ibethe iMaritzburg United ngo’2-0, iStellenbosch ibambenge ngeqanda neTS Galaxy kanti yona iChippa United ibambene ngeqanda neTshakhuma FC.

Kaizer Chiefs: Bvuma, Zulu, Cardoso, Mathoho, Frosler, Katsande, Baccus, Parker, Manyama, Nurkovic, Castro.

Amalalela: Akpeyi, Mphahlele, Agay, Kambole, Blom, Sasman, Ngcobo, Mashiane, Radebe.

Golden Arrows: Mlungwana, Sibisi, Lunga, Zuke, M.Dube, Parusnath, Ndwandwe, Mmodi, Mutizwa, M.Gumede, Makhubela.

Amalalela: Mbaeva, L.Dube, Ndlovu, Shitolo, Phiri, Mathiane, Mtshali.