UManyisa uncedwe ngamazwi kaPitso

UOupa Manyisa ongumdlali weMamelodi Sundowns

Amazwi anikwa uOupa Manyisa ngumqeqeshi wakhe ekufikeni kwakhe kwiMamelodi Sundowns ngawona abe luncedo.

UManyisa, 29, usagutyungelwe luchulumanco emva kokuba iMamelodi Sundowns ivale isizini ka2017/18 izintshatsheli zePSL.

Lo mdlali wasesiswini wothusa abantu abaninzi kunyaka ophelileyo ngethuba eshiya iqela awalidlalela iminyaka, iOrlando Pirates, esiya kwiDowns phambi kokuqala kwesizini.

Ngethamsanqa lakhe uManyisa, ufike kwiSundowns walinikwa ithuba lokudlala kwaye uyathandwa ngabalandeli.

“Ndeza kwiSundowns abantu bengalindelanga. Ndafika kukho abadlali abanexesha elide bedlala ndawonye. Into endayixelelwa ngumqeqeshi (uPitso Mosimane) yeyona nto endincedileyo kakhulu ukuze ndifumane indawo kwiqela labadlali eliqala imidlalo. Umqeqeshi wandibizela ecaleni wathi kudala eyakhele umkhanyo indlela endidlala ngayo – ngoko ke akukho mfuneko yokuzibulala,” utshilo uManyisa.

UManyisa uyinxalenye yeSundowns ephumelele indebe yePSL esongeza kwezinye awazifumana esengumdlali wePirates kwiminyaka edlulileyo.

Le ndedeba ifumene ithuba elinqabileyo lokudlala umdlalo wobuhlobo okubhiyozelwe ngawo iminyaka elikhulu kaNelson Rholihlahla Mandela obuphakathi kweSundowns neBarcelona izolo eFNB Stadium.

“Kumnandi kakhulu ukuba nemvakalelo endinayo ngoku. Andazi ngendenze njani ukuba bendingaxelelwanga indlela emandisebenze ngayo ngoba akululanga ukufumana ithuba lokudlala kwiSundowns,” utshilo uManyisa ngethuba ethetha neSolezwe.

Abalandeli bebhola eMzantsi Afrika bonwabele umdlalo okwinqanaba eliphezulu izolo obuphakathi kweentshatsheli zaseSpain neDowns. Phantse bonke abadlali abaziwayo abafana noLionel Messi, uAndreas Iniesta, uGerard Pique, uLuis Suarez noPhillipe Countinho bebekhona.

Umongameli weDowns, uPatrice Motsepe, ukhuphe imali eqikelelwa kwizigidi ezingamashumi amane eerandi (R40-m) ukuze iBarcelona ize eMzantsi Afrika.