UManyonga wenze imbali eMzantsi Afrika

Luvuyo Mmanyonga. Umfanekiso: BackpagePix

ULuvo Manyonga, indoda etsiba ngendlela engenambaliso eyathi yabuya nembasa yeSilivere kwi-Olimpiki kunyaka ophelileyo, wenze imbali izolo ngethuba etsiba umgama oyi-8.62m okokuqala kwimbali yakhe. Le ndedeba yaseLady Frere, edume ngokutsiba nokukrabalazisa lo milenze yayo mide, ibithath’inxaxheba kwiGauteng North Championships ngoLwesihlanu. Ilinge lale ndodana ibilelokuzama ukubetha ngaphaya kwelo xesha lenziwa nguKhotso Mokoena.

Emva kwalo msebenzi mhle owenziwe nguManyonga, ngoku imbali yakhe iphakathi kweziganeko eziyimbali eziphambili ukusukela kwinyanga yeSilimela ka-2009. Lo kaManyonga uvelise umsebenzi ocwengileyo kwi-8.62m, 8.29m, 8.34m ne-8.34 phambi kokuphumla ngenxa yokwenzakala eqatheni.

UManyonga wazenzela imbali kwikhono lakhe kunyaka ophelileyo ngokuthi abuye nembasa kwiRio de Janeiro Olympics ezimphakamisileyo kakhulu nakwihlabathi.