UMapeza ungenwe ngamanzi emadolweni

UFrederic Nsabiyamva weChippa United kunye noMzwanele Mahashe weBloemfontein Celtic kumdlalo weTelkom Knockout eSisa Dukashe eMdantsane

Mibini kuphela imidlalo eqeqesha iChippa United kodwa uNorman Mapeza sele evakalise ukungabathembi abadlali anabo.

UMapeza ungenwe ngamanzi emadolweni emva kokuba iChippa United icanjalaliswe yiHighlands Park ngo’2-0 emdlalweni obuseMakhulong Stadium kwiveki ephelileyo.

Ukubethwa kweChippa akuyigcinanga ekugqibeleni nje kuphela, kukwadize nengxaki enkulu ezibhaqe ikuyo ngenxa yokugxothwa kwabaqeqeshi okungenasiphelo nguSiviwe Mpengesi. Kule sizini, iqela lakhe liqeqeshwe nguClinton Larsen, uDuran Francis, uMbuyiselo Sambu noMapeza emidlalweni nje elithoba.

UMapeza, othathe indawo eshiywe nguLarsen, uxelele iintatheli kutshanje okokuba iChippa ngeke ikwazi ukusuka kwindawo ekuyo ngabadlali enabo ngoku. “Kunzima, kufuneka abadlali abatsha.

Andingomntu wemimangaliso, ndingumqeqeshi webhola ekhatywayo kwaye ndiyayazi into endikuyo.

Xa izinto zingahambi kakuhle, umqeqeshi uyagxothwa okanye aziyekele,” utshilo uMapeza.

Njengokuba iChippa ilungiselela ukwamkela iMamelodi Sundowns emdlalweni weTelkom Knockout oza kube useNelson Mandela Bay Stadium emalanga ngeCawe, umqeqeshi uthe eyona nto iphambili kuye kukuzama ukuguqula izinto emidlalweni yeAbsa Premiership.

IChippa izibekele indawo kwisigaba sesibini seTelkom emva kokubetha iBloemfontein Celtic ngo’1-0 emdlalweni obuseSisa Dukashe Stadium kwiveki ephelileyo.

Ekuqaleni kwesizini, iChippa neSundowns zibambene ngegowuli elinye macala kodwa ke kumdlalo wangempelaveki, kunyanzelekile kubekho eliphumelelayo iqela.

Kubonakala ngathi uMapeza akawufakanga engqondweni yakhe umdlalo wangempelaveki kodwa ukuba abadlali bakhe banokudlala kakuhle ingafunqula ukuzithemba okunoba nefuthe emidlalweni elandelayo.

“Asizimiselanga ukugxila kakhulu kwiTelkom Knockout. Okungcono kukudlala kakuhle kwimidlalo yeAbsa Premiership.

Sakubona ngoko okwenzekayo xa sidibana neSundowns,” utshilo uMapeza.

Imidlalo yeTelkom:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Highlands Park @Harry Gwala Stadium, 20:00

Mgqibelo: Kaizer Chiefs vs Orlando Pirates @Moses Mabhida Stadium, 15:00; SuperSport United vs Golden Arrows @Lucas Moripe Stadium, 20:15

Cawe: Chippa United vs Mamelodi Sundowns @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:30