UMapimpi liqhawe leBulldogs kwiCurrie Cup

Izinto zibonakala zitshintshile kwiqela lo- mbhoxo lalapha eMonti, iBorder Bulldogs kule sizini.

Le nto ibonakele ngoLwesihlanu ngelixa iiBulldogs zibetha iiSharks ngo’37-32 kumdlalo womjikelo wesibini weCurrie Cup obudlalelwa eBuffalo City Stadium, eMonti.

IBorder ikwazile ukunyamezela kuxinzelelo obelufakwa ziiSharks sele uzakuphela umdlalo. Le ibiyimpumelelo yesibini yeeBulldogs kule sizini.

Kumjikelo wokuqala iBorder ibethe iGolden Lions, emva kokubetha iiSharks, iBorder inyuke yayakutsho kwindawo yesithathu kuluhlu lamaqela eCurrie Cup.

Umdlali wasephikweni lasekunene kwiBorder uMakazole Mapimpi ngoyena ebefaka uxinizelelo kakhulu kwiiSharks, ungqengqe emgceni amatyeli amane.

Kuyiwe ekhefini iBorder ihamba phambili ngo’22-3, iiSharks zilwe ngokuzimisela kwisiqingatha sesibini ukuzama ukulinganisa amanqaku, kodwa ubusele uzakuphela umdlalo, iBorder yenze konke okusemandleni ukukhusela amanqaku.

Komnye umdlalo weCurrie Cup, iSWD Eagles ibethe iPumas ngo’25-21 kumdlalo ubudlalelwa eGeorge. EKempton Park iGriquas zibethe iValke ngo’56-29. IiGriquas zikhawuleze zagqagqanisa kulo mdlalo zafumana nenqaku lebhonasi kwisiqingatha sokuqala.

Umdlalo weBorder olandelayo ekhayeni uzakudlalwa ngomhla washumi amathathu, kule nyanga xa idlala neePumas.

Umqeqeshi weBorder, uElliot Fana uvakalise ukwaneliseka yindlela eliqhuba ngayo iqela lakhe ukuza kuthi ga ngoku.