UMapimpi utshice ityhefu yatsho yavuleka indlela yoMzantsi Afrika emdlalweni obuseTokyo!

South Africa's Makazole Mapimpi scores his side's third try during the 2019 Rugby World Cup Quarter Final match at Tokyo Stadium.

Emva
kokubethwa kabuhlungu yiJapan kwiNdebe yeHlabathi ngo-2015, namhlanje uMzantsi
Afrika ufumene ithuba lokuphindisa emdlalweni obalulekileyo eTokyo Stadium.
AmaBhokobhoko abethe iJapan ngo’26-3 emini namhlanje kwatsho kwaphela ngayo
kwiNdebe yeHlabathi emdlalweni obunzima kakhulu. Izigidi zabantu baseJapan
ebezinethemba lokubona iqela lesizwe lingena kwimidlalo ephambi komdlalo
wokugqibela kwiNdebe yeHlabathi zishiyeke zibambelele ezidleleni. Umdlalo ubunzima
macala kwisigaba sokuqala nangona kuyiwe kwixesha lokuphumla AmaBhokobhoko ehamba
phambili ngo’5-3. Abadlali bakaRassie Erasmus babuye belume ongezantsi
ekhefini. Balele emgceni izihlandlo ezibini – kodwa nguMakazole Mapimpi
oziqaqambisileyo ngokulala kabini emgceni esebenzisa isantya sakhe ephikweni.

Utshice
ityhefu uMapimpi yatsho yavuleka indlela yoMzantsi Afrika osokoleyo kwisigaba
sokuqala somdlalo. Umdlali waseJapan obephantsi koxinizelelo, uKeita Inagaki,
ube nethamsanqa ngethuba esinda ekhadini elibomvu emva kokudlala kakubi
isigantsontso soMzantsi Afrika – uTendai Mtawarira. Umdlali othe waqaqamba
emdlalweni ibe nguFaf de Klerk olele kanye emgceni. Emva kokudlala ngendlela
encomekayo kwitumente yehlabathi yalo nyaka, indlela yeJapan ifikelele
esiphelweni namhlanje. Ziindaba ezimnandi ezo ebantwini baseMzantsi Afrika
abebesakhala ngento eyenzeka ngo-2015. Ngoku AmaBhokobhoko aza kuqubisana
neWales kwiveki ezayo emdlalweni ophambi kwamagqibelakankqoyi eYokohama
Stadium.


Japan: 15 Ryohei Yamanaka, 14 Kotaro Matsushima, 13
Timothy Lafaele, 12 Ryoto Nakamura, 11 Kenki Fukuoka, 10 Yu Tamura, 9 Yutaka
Nagare, 8 Kazuki Himeno, 7 Lappies Labuschagne, 6 Michael Leitch (captain), 5
James Moore, 4 Luke Thompson, 3 Koo Ji-won, 2 Shota Horie, 1 Keita Inagaki.

Amalalela: 16 Atsushi Sakate, 17
Isileli Nakajima, 18 Asaeli Ai Valu, 19 Wimpie van der Walt, 20 Amanaki Lelei
Mafi, 21 Fumiaki Tanaka, 22 Rikiya Matsuda, 23 Lomano Lava Lemeki.

South Africa: 15 Willie le Roux, 14 Cheslin Kolbe, 13 Lukhanyo
Am, 12 Damian de Allende, 11 Makazole Mapimpi, 10 Handre Pollard, 9 Faf de
Klerk, 8 Duane Vermeulen, 7 Pieter-Steph du Toit, 6 Siya Kolisi (captain), 5
Lood de Jager, 4 Eben Etzebeth, 3 Frans Malherbe, 2 Bongi Mbonambi, 1 Tendai
Mtawarira.

Amalalela: 16 Malcolm Marx, 17
Steven Kitshoff, 18 Vincent Koch, 19 RG Snyman, 20 Franco Mostert, 21 Francois
Louw, 22 Herschel Jantjies, 23 Frans Steyn.