UMarcelo Marcelo ukhethe ukuza kwiSundowns kuba efuna iindebe!

UMarcello Allende weSundowns noEtiosa Ighodaro weChippa United emdlalweni weDStv Premiership obuseNelson Mandela Bay Stadium kutshanje. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Umdlali omtsha weMamelodi Sundowns, uMarcelo Allende, uxelele iintatheli okokuqala isizathu esibangele azokudlala eMzantsi Afrika. Kwinyanga ephelileyo, iSundowns yazise uAllende njengomdlali wayo omtsha. Iingxelo ezikhe zajikeleza kumajelo eendaba zithe iSundowns ibhatele iMontevideo City Torque imali eqikelelwa kumashumi amahlanu ezigidi zerandi (R51-million). Akukho siqinisekiso ngomba wemali ngoba amaqela awavumelekanga ukudiza imali athenga ngayo abadlali ebholeni yaseMzantsi Afrika. Kwiintsuku ezigqithileyo, uMarcelo Allande (23) uthethe neentatheli zaseMzantsi Afrika emva kokufaka amagowuli amabini amidlalweni embalwa ayidlalileyo kwiSundowns.

Ugxekiwe ngabathile eChile – apho asuka khona, ngokuza eMzantsi Afrika, endaweni yokukhangela iqela eYurophu. “Ndilapha kwiSundowns ngoba lelona qela eliphambili eAfrika. Enye into kukuba ndifuna ukuphumelela iindebe futhi ndingatsho ukuba kumnandi ukuba lapha,” utshilo uAllanda ethetha neentatheli. Le ndedeba yaseChile ingumdlali weqela lesizwe kodwa kwakufuneka isebenze ngokukhulu ukukhuthala ngoba ilandela ezithendeni zabadlali abafana noJorge Acuna noMauricio Affonso abemke bengenzenga nto ingako. “Ndingakuvuyela ukubuyela kwiqela lesizwe kwakhona – kodwa oko kuxhomekeke kum nakumgangatho weqela endidlala kulo.

“Kufuneka ndidlale rhoqo, ndifake amagowuli aza kunceda iSundowns ukuze ndiqatshelwe ngumqeqeshi weqela lesizwe. Andizange ndithethe noJorge ngokuza apha. Umntu endathetha naye nguMauricio Affonso wase-Uruguay. Nguye ondixelele ngokhuphiswano kwiSundowns nomgangatho ophezulu wabadlali enabo. Endingakutsho kukuba ndonelisekile ngumgangatho ophezulu wabaqeqeshi nabadlali futhi neqela linendlela yalo elidlala ngayo. Ndinethemba lokuba ulwazi lwabaqeqeshi luza kusinceda sikhule njengebadlali,” utshilo uAllande. Amasandawana aza kwamkela AmaZulu emdlalweni weDStv Premiership ngentsimbi yesithathu namhlanje eLoftus Stadium.