UMarcia ufun’ ukulenza lincinci iqonga eMthatha!

Marcia Morica Ngubane.

Imini ebikade ixelwa ifikile eMthatha. Ngentsimbi yesine emalanga ngoMgqibelo, amanenekazi namanene angoosozoso aza kukhuphisana kudlwabevu letumente ekuthiwa yi-O.R.Tambo Bodybuilding Night of Champion eza kube iseWalter Sisulu University. Baliqela oosozoso ekulindelekele ukuba babe yinxalenye yeyona tumente enkulu yoosozoso kwiphondo leMpuma Koloni. Zizigubha zamabhaso eziza kunikwa abantu ababambe iindawo eziphambili ngokohlukana kwamanqanaba oosozoso. Olona khuphiswano olakube lunomtsalane lolwamadoda amakhulu aza kulwela ikhulu lamawaka erandi (R100 000) elisesichengeni. Baninzi oosozoso abaziwayo eMzantsi Afrika nakumazwe angabamelwane abaya eMthatha ngempelaveki.

Phakathi kwabo kukho uVuyo Vanda, uAndile Marasi, uSipho Koko, Unathi Tshezi, uMandisa Majova noNaledi Danca. Kanti yona iMpuma Koloni iza kuthumela oompondozihlanjiwe abafana noChris Nguta, uSanga Gijana, uSizwe Jongidiza noTerra Dlodlo. Nangona bebaninzi abakube bekhuphisana kodwa kwakube kujongwe kakhulu uMarcia Morica Ngubane, 27, ophuma KwaZulu-Natal. UNgubane ungene kwicandelo loosozoso kwiminyaka embalwa edlulileyo – kodwa ngenxa yokuzimisela kwakhe, namhlanje uyintshatsheli. Kungokunje uyintshatsheli yeKZN Wellness. Kwakunyaka ophelileyo, uNgubane ubambe indawo yesibini kwiSouth African Champs phambi kokuvala ngokuphumelela i-IFBB Sunfest.

“Ndinethemba lokufumana indawo yokuqala. Ndizilulungiselele kakuhle ngoba ndifuna umama nentombi yam babebhongo ngam. Endingakutsho kukuba ndiyilungele itumente,” utshilo uNgubane onomnqweno wokufumana inkxasomali enokumkhulisa kweyona nto ayithandayo nangona wangena ngebhaqo kuyo. UMso Ngcobo ucele abantu baseMthatha neziphaluka ukuba bafike kwangethuba. Imali yokungena emnyango yiR100 qha. “Siyacela abantu bayixhase itumente yethu. Emini ngoMgqibelo sakube sinentlanganiso apho sakube sixelela abantu ngokubaluleka kokugcina imizimba yabo iphilile,” utshilo uNgcobo.