UMasango ufuna ukuhamba kwiRanders

UMandla Masango udikwe yeyokosa kwaye ufuna ukuhamba kwiqela adlala kulo laseDenmark, iRanders oku kuvakale ngokwenxelo esuka kumphathi wakhe phesheya kolwandle.

Lo mdlali ohambe kwiKaizer Chiefs ekupheleni kwesizini ka2014/15 uhleli isizini yanye, nalapho aye wavotelwa ngabalandeli njengoyena mdlali uqhube kakuhle kwisizini ephelileyo kwiRanders.

“UMandla uzicacisile iinjongo zakhe kwiRanders FC. Ufuna ukuhamba kweli qela. Kuphela kwento endinokuyithetha leyo ngalo mzuzu, utshilo umphathi kaMasango uBuddy Farrah.

Kwinyanga ephelileyo eli qela liye labhengeza ngesankxwe ebesisenzeka ngenxa kaMasango. Yonke le nto iphenjelelwe yindlela aqhube ngayo kwisizini yakhe yokuqala eDenmark. Lo mdlali ufake amagowuli amathandathu, kwaye kwavakala ukuba maninzi amaqela anomdla kuye eDenmark nakwiYurhophu ngokubanzi.

IRanders ithe uMasango useneminyaka emibini eshiyekileyo kwisivumelwano.