UMashaba ufuna iCOSAFA Cup!

Iyamangalisa indlela uMzantsi Afrika okhawuleze ngayo ukuwa kwindawo obukuyo ebholeni ekhatywayo emva kokwamkelwa kwawo lihlabathi phakathi ngo-1992.

UShakes Mashaba uthi uyayithanda into “yokungabonwa kweBafana Bafana” njengelinye lamaqela anokuthathanda iCOSAFA Cup ngoba lo nto inika amandla iqela lakhe. “Ukungajongwa kwethu njengelona lizwe elinokuthatha le tumente ndiyakuthanda; lo nto isinika amandla wokwenza umsebenzi siphinde sibuye nayo indebe,” utshilo uMashaba emva komdlalo.

Ie ntetha iyothusa ngoba ibhentsisa ukungazithembi koMzantsi Afrika. ABafana Bafana badlulele kumjikelo olandelayo weCOSAFA ngoMgqibelo odlulileyo emva kokubetha iLesotho ngo’4-2 kumapenela.

Ngoku kulindeleke bajijisane neSwaziland kumdlalo olandelayo. Umdlalo uzakuba nzima kuba iSwaziland lelinye lamazwe alushica kolu khuphiswano – kodwa ke uMashaba uthi, beli qela, banawo umnqweno wokubuya nendebe.

Leyo yinto ebekufanele yenziwa rhoqo leli lizwe ukuba izinto bezihamba ngokweminqweno yabantu balo nezigidi ngezigidi zemali ezityalwe kwibhola ekhatywayo. “Akukho mntu ocinga ukuba singayithatha le ndebe; yiyo lo nto kubalulekile kuthi ukuba ziintshatsheli zeCOSAFA Cup,” utshilo uMashaba.

Uliqhwabele izandla ke kambe iqela lakhe ngomsebenzi omhle eliwenzileyo. “Besisazi ukuba umdlalo uzakuba nzima kakhulu. Sayibukela iLesotho idlala neMalawi – sayiqonda kwangoko ukuba izakuza kuthi inomfutho,” ngamazwi kaMashaba lawo.

Ngoku uMzantsi Afrika uya kumdlalo olandelayo ngoLwesithathu ngaphandle komdlali we-Orlando Pirates – uGift Motupa – okhutshwe ngekhadi elibomvu kumdlalo odlulileyo. Kunyanzelekile aBafana Bafana babuye nayo le ndebe emva kokungaphumeleli kwinzame zabo zokuya kwi2017 AFCON ezakube iseGabon.