UMashaba uqeqesha kwiMotsepe League

Owayeqeqesha iqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uShakes Mashaba, ngoku ngumqeqeshi weBlue Lions FC edlala kwiABC Motsepe League.

UMashaba ubuyela ebholeni kwakhona emva kokugxothwa liqela elidlala kwiGladAfrika Championship kwisizini egqithileyo.

Ukuqeshwa kukaShakes, 69, kuqinisekiswe ngusihlalo weqela, uBonginkosi Nhleko.

“Ewe, uShakes ngumqeqeshi wethu. Sele eqalile ukusebenza namhlanje. Ukuqeshwa kukaBra Shakes kuhambelana ncakasana nezicwangciso zethu. Abantu abaninzi abakuqondi okwenzeka kwiMotsepe League. Yindawo yophuhliso, xa uthetha ngophuhliso uthetha ngoShakes Mashaba,” utshilo uNhleko onephupha lokuvelisa abadlali abanokudlala phesheya ngethuba ethetha neLaduma.