UMashaba uthi lifunde isifundo iqela lakhe

Umqeqeshi weBafana Bafana uShakes Mashaba

Umqeqeshi weBafana Bafana, uShakes Mashaba, kufuneka achule ukunyathela, kungenjalo angalahlekelwa ngumsebenzi.

Iqela lesizwe liyadlala kule mpelaveki kwaye kufuneka liphumelele emva kokuphosa ithuba lokuya kwi-Afcon eseGabon kunyaka ozayo.

UShakes uphantsi koxinizelelo kodwa yena uqinisekile ukuba aBafana yazakuyifumana indawo kwindebe yehlabathi.

UMzantsi Afrika untingele eBurkina Faso – apho uzakudlala khona umdlalo wokuqala ohlakulela indebe yehlabathi ka’2018 ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo.

“Umdlalo uzakubanzima – kodwa ndingatsho ukuba siwulungele. Asizimiselanga kudlala ngendlela efanayo nale ye-Afcon. Asikwazanga ukuya eGabon ngoba saphulukana nemidlalo emibini yokuqala esayidlala neGambia neMauritania. Sifunde isifundo, sifuna ukuyibethelela indawo yethu zisuka,” utshilo uMashaba.

Abadlali baya eOuagadougou, eBurkina Faso, bebuqonda ubungozi belalizwe ebholeni. Kunyanzelekile kweli ityeli uMzantsi Afrika uyifumane indawo kwi-2017 FIFA World Cup emva kokuphoswa yedlulileyo eBrazil ngo’2014.

Ubufede baBafana Bafana obubangele bangakwazi ukuya kwiAfcon kwabacaphukisa abaphathi beSAFA, kangangokuba kwavakala iingxelo ezithi uShakes Mashaba angakhulwa emsebenzini wakhe – kodwa kuyabonakala ukuba baphinda bazibamba.

Umongameli weSAFA, uDanny Jordaan, uxakathise eli qela ngamazwi enkuthazo phambi kokunduluka kwalo.

“Ningawabetha amazwe amakhulu. Niyibonisile lo nto kwimidlalo eniyidlale neSpain, iBrazil neYiphutha ngaphambili. Kule midlalo kufuneka nidlale ngokuzimisela ngoba alikho ithuba lesibini. Yiyani eBurkina Faso, nizibonakalise ukuba nifuna ukuya eRussia ngo’2018,” utshilo uJordaan.

Ngomhla weshumi elinanye aBafana badlala umdlalo wobuhlobo neGhana eMoses Mabhida Stadium.