UMashaba uvela phambi kwekomiti yeSAFA

UShakes Mashaba ngumqeqeshi weBafana Bafana. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi weBafana Bafana, uShakes Mashaba, uzakuthawuza phambi kwekomiti yoluleko yeSouth African Football Association namhlanje kwindawo engachazwanga. Lo kaMashaba wanqunyanyiswa emva kokuba iBafana Bafana ibethe iSenegal ngo’2-1 kumdlalo wokuzibekela indawo kwi-2018 FIFA World Cup owawungomhla weshumi elinesibini kwinyanga ephelileyo ePeter Mokaba Stadium.

Kukholeleka ukuba uShakes Mashaba wagxeka umongameli weSAFA, ugqirha Danny Jordaan, ekuthiwa wamsola ngokumvimba inkxaso emfaneleyo njengomqeqeshi weqela lesizwe. Kubonakala ngathi lo nto zange ingene kakuhle kwizikhulu zeSAFA.

Isithethi seSAFA, uChimhavi, uxelele amajelo endaba kuTwitter ukuba ngokwenene uShakes uzakuvela phambi kwekomiti yoluleko – kodwa loo nkqubo ayizukuchotshelwa kwizakhiwo zeSAFA. Akayichazanga indawo,uyibethelele into ethi akukho ngxelo ezakuphuma kwakhona ngalo mba ngoba yinto yangaphakathi.

Iziphumo zale nkqubo yoluleko zingabhengezwa kwiveki ezayo. Emva kokungakwazi kukaShakes Mashaba ukuthatha iqela lesizwe alise kwi-2017 Africa Cup of Nations, kubekho iimpawu ezibonisa ukungaxoli kwezikhulu zeSAFA – kodwa zaye zazibamba.

Akubonakali ngathi angabuyela njengomqeqeshi weqela lesizwe uShakes Mashaba emva kwale ngxushu-ngxushu ngoba ichaphazela ubudlelwane phakathi kwakhe neSAFA obungaqinanga kakade.

Ngethuba uMashaba engena kwesi sikhundla sokuqeqesha iBafana Bafana ngo’2014, kwathiwa makaqinisekise ukuba iqela lidlala kwi-2017 Afcon nakwi-2018 FIFA World Cup.

Akakwazanga ukuyenza eyokuqala kwezi zinto zimbini nangona iqela lakwazi ukuya kwi-2015 Afcon e-Equatorial Guinea . Ngoku kukho uloyiko ebantwini, bacinga ukuba iBafana Bafana ingangakwazi ukuya kwiWorld Cup kwakhona nangona yena uShakes eqinisekile ukuba iqela lakhe lizakuya eRussia.