UTefu Mashamaite ukhanyele wema ngomlenze omnye ukuba ukhe wadibana nomqeqeshi weKaizer Chiefs ngeenjongo zokubuyela eNaturena.
Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo bekuthe ndiii iindaba ezithi uSteve Komphela ufuna le ndedeba ibuyela kwiChiefs phambi kwesizini entsha ka’2016/17. UMashamaite ushiye iChiefs phambi kwesizini edlulileyo emva kokungavisisani nezikhulu zayo ngomba odinebene nemali eyayiyinxalenye yesivumelwano esitsha sengqesho. Kanti lo mdlali ulilungu leqela elenza imbali phantsi kukaStuart Baxter ngokuthi liphumelele indebe yePremier Soccer League ngamanqaku amaninzi kwisizini ka’2014/15. “Ndiyibonile lo nto ekugalelekeni kwam ekhaya. Ndiyibonile into ebhaliweyo ethi bendidibene nomqeqeshi weChiefs. Ndaye ndamangaliseka njengabo bonke abantu. Andizange ndadibana nomqeqeshi weChiefs mna. Ndimazela ebholeni qha, andizange ndathetha naye.
Ngoku ndibuyele kwiqela lam iBK Hacken,” utshilo uMashamaite kwisikhululo sikanomathotholo saseGoli. Amakhosi atyikitye abadlali abasibhozo abatsha, kodwa kuyavakala ukuba asakhangela abanye abadlali, ingakumbi ozakudlala emva. Lona iqela selibuyele enkampini eNaturena, apho lilungiselela umdlalo weCarling Black label ophakathi kwalo ne-Orlando Pirates eFNB Stadium ekupheleni kwenyanga.
Halala, utshatile uMama Joy!