UMashego ukhululwe yiSundowns

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uthi iqela lakhe ligqibe kwelokuba lingasihlaziyi isivumelwano sengqesho noKatlego Mashego (34).

IiBrazillians zintingele eAlgeria ngoLwesibini – apho ziza kudlala ne-ES Setif umdlalo weCaf Champions League ngokuhlwa ngoMgqibelo.

Abadlali abaliqela abahambanga neSundowns ngenxa yezizathu ezahlukeneyo – omnye wabo badlali nguMashego. Lo mdlali, khange alifumane kakuhle ithuba lokudlala kwisizini ephelileyo kwiqela likaPitso. Mithathu kuphela imidlalo ayidlalileyo kwaye ungene njengelalela kuyo yomithathu. Ekupheleni konyaka ophelileyo, iSolezwe, lapapasha iindaba ezingekamva elingacacanga kakuhle lalo mdlali kwiDowns.

Ngoko kwakusekucacile ukuba uMahoota akanalo ikamva eliqaqambileyo kwiDowns kodwa wakhetha ukuhlala. “Wayebhalisiwe kwiCaf – kodwa uthathe isigqibo sokungahambi nathi,” utshilo uPitso phambi kokuntingela eAlgeria. Lo mdlali ubesisisulu sokurhaliselwa ngemidlalo isizini ezimbini zonke.

Ukufika kukaLeonardo Castro kwenze izinto zambi ngakumbi kuMashego. Intsebenziswano eze nodumo yabadlali abathathu: uCastro, uKhama Billiat noKeagan Dolly, iwanciphise ngakumbi amathuba walo mdlali. Phambi kwesizini ephelileyo, oyena mdlali owayebalasele yayinguCuthbert Malajila – kodwa naye ukhe phantsi isitya sigcwele kwisizini ephelileyo. Njengokuba iminyaka ihambile kwicala lakhe lo mdlali, kulindeleke akhangele iqela elitsha.

“Mhlawumbi ukhangela elinye iqela ngoba sesimxelele ukuba isivumelwano sakhe sengqesho asizukuhlaziywa. Andimsoli ke kodwa ngokwenza njalo,” utshilo uPitso. Kwelinye icala iSundowns imbophelele uLeonardo Castro emva kwesizini ebentle kakhulu. Le folosi yaseColombia ibinesivumelwano sonyaka omnye neDowns. UCastro uyibethelele indawo yakhe kwiqela likaPitso kwisizini ephelileyo emva kokuncedisana kakuhle noBilliat.

Lo mdlali ufake amagowuli alishumi elinesine kwimidlalo yonke ayidlale kwisizini ka’2015/16. Umdlalo wakhe odibana ncamashi noKhama noDolly uncede iSundowns yaphumelela iTelkom Knockout neAbsa Premier Soccer League. Akekho kodwa kwiqela elizakudlala umdlalo weChampions League kule mpelaveki ngenxa yengxaki embambe elizweni lakhe.