I-Etoile du Sahel ziintshatsheli zeCaf Confederation Cup ezintsha emva kokubetha i-Orlando Pirates ngo’1-0 eStade Olympique de Sousse ebigcwele ngabalandeli beSahel. Ibhola yempumelelo ingene kwisiqingatha sokuqala elifakwe nguHappy Jele ngempazamo. Lo mdlalo wamagqibela kankqoyi wesibini ubukwizinga eliphezulu kwaye omabini amaqela ebezinikele.
Isigaba sokuqala siphele i-Etoile du Sahel inkqenkqeza phambili emva kwegowuli elifakwe nguJele ngempazamo ngomzuzu wamashumi amabini anesithathu.
ISahel ibonise kwasekuqaleni komdlalo ukuba ifuna igowuli elizakuqinisekisa impumelelo yayo – lo nto iyibonise ngokuthi ihlasele i-Orlando Pirates amatyeli ngamatyeli ibetha ibuyelela. Phambi kokufakwa kwegowuli uFelipe Ovono noogxa bakhe emva, bakwazile ukuvala iifolosi ebezifuna ukutyhoboza.
Akukho monakalo iwenzileyo iPirates kumhlaba kanozinti weSahel, ziibhola ezimbalwa azichola-cholileyo. Beliqine ngqi udonga le-Etoile du Sahel emva, kwaye baqinisekise ukuba bayivala phakathi nasemaphikweni iPirates.
Izinto zijikile kodwa kwisigaba sesibini – iPirates ifake phantsi koxinizelelo olumandla kwakumzuzu wokuqala kodwa ngelishwa unozinto weSahel ebehleli ethe qwa.
Ibhola kaThamsanqa Gabuza ebinzima iphantse yenza umonakalo – kanti nangongomzuzu wamashumi amahlanu anesithandathu iBucs iphantse yafumana igowuli. Ubukhulu becala kwisigaba sesibini i-Etoile du Sahel ichithe ixesha elininzi ikhusela igowuli layo elifumene kwisigaba sokuqala.
UGabuza uzamile ukwenza adume ngazo kodwa watsho wancama. Okunokuxolisa izihlwele zaMabhaka-bhaka ngumsebenzi omhle owenziwe liqela labo nangona bengabuyanga nendebe ekugqibeleni.
IPirates ibethwe ityeli lesibini kwimidlalo ekumila kunje emva kweCaf Champs League ngonyaka ka-2013.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman