UMasipala uthembisa ngokuyilungisa iSisa Dukashe Stadium

Abalandeli beChippa kunye neMamelody Sundowns eSisa Dukashe Stadium eMdantsane eNU2UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

IMpuma Koloni iphinde yahlazeka kwiveki ephelileyo ngenxa yeSisa Dukashe Stadium engekho semgangathweni owamkelekileyo wemidlalo yePSL.

Umdlalo obuphakathi kweChippa United neMamelodi Sundowns udlalwe nzima ngenxa yebala ebelimumathe amanzi emva kwemvula ene phantse imini yonke ngomhla womdlalo.

Kungaphelanga nemizuzu engephi umdlalo uqalile, icala lebala lajika laludaka. Lo nto yagxekwa kakhulu nguPitso Mosimane nogxa wakhe uDan Malesela emva komdlalo.

UJingles wakhankanya umgangatho ophantsi webala njengonobangela wokugoduka kweqela lakhe nenqaku elinye kulo mdlalo.

“Ububi bebala businyanzele ukuba sidlale ngendlela esingayiqhelanga. Ibhola yethu ibihamba phezulu into esingayiqhelanga. Indlela odlalwe ngayo umdlalo ayibafanelanga abalandeli ngoba imbi, nakwabo babukele kumabonakude imbi – besizakuthini xa iimeko zimbi ngolu hlobo,” watsho uPitso emva komdlalo.

Naye uMalesela, umqeqeshi weChippa, wasola ibala njengeyona nto ephazamise iqela lakhe. Nabo abalandeli bakhala ngomgangatho webala kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook.

Ukungahoywa kwamabala ebhola eMpuma Koloni ngoomasipala abangayithatheli ngqalelo ibhola ekhatywayo, yinto esele iqhelekile. Nangona kunjalo iBuffalo City Municipality ithi izimisele ukuhlangabezana nazo iingxaki zeli bala.

“Singumasipala sizimisele ukuqubisana neengxaki zeSisa Dukashe. Qho ngeveki, ikomiti kamasipala nePSL ziyadibana ngelizama ukulungisa iingxaki zebala. Sizimisele ukuphucula ibala lide lifikelele kumgangatho owamkelekileyo kwiPSL,” sitshilo isithethi sikasodolophu, * -Ayabulela Ngoqo kweli phephandaba.

ISisa Dukashe Stadium izakusingatha umdlalo ophakathi kweChippa United neGolden Arrows kule veki, kulandele oweNedbank Cup kwinyanga ezayo ophakathi kwe-EC Bees ne-Orlando Pirates.

pedro.mapelo@inl.co.za