UMaso umemelela inguqu embhoxweni wephondo

UMasomelele Maso Lali ngumdlali weBrakers onqwenela kwenziwe iinguqu embhoxweni waseMpuma Koloni ukuze kuncedwe wonke umntu. Umfanekiso: Uthunyelwe

UMasomelele “Maso” Lali ubalise ngamahlandenyuka adibene nawo emdlalweni wombhoxo ukusukela ngonyaka awaqala ngawo ukuwudlala. Kwiqela lombhoxo alidlalelayo, iBrakers, waziwa ngegama elithi Maso.

Le ndedeba yaseKomani edlala njengeflayihafu kwakufanele iwudlale kwinqanaba eliphezulu umbhoxo emva kokudlala nabadlali abafana noMakazole Mapimpi noSiya Kolisi kwiminyaka yakudala kumaphulo ophuhliso, kodwa yena wasilela ngenxa yokwaphuka kweziseko zophuhliso eMpuma Koloni.

“Ndafika kwiBrakers ngo2006. Intliziyo yam yathamba ndazibona sendiwuthanda umbhoxo emva kokuwubukela udlalwa. Ndandihlohla iiplasitiki embombozini ndenze ibhola ndidlale esitalatweni nabahlobo bam. Ndaloleka eVan Coller Primary School elapha kuKomani. Kuthe xa siphaya kwiminyaka elishumi samane sithathwa yibhasi siyokudlala siphantsi kwenkqubo yophuhliso yombhoxo ngelo xesha. Ndaye ndachongwa ke ndade ndayokudlala eAbsa Stadium ngela xesha,” utshilo uLali.

Kwaqala ukutyhileka kwezinto mhla kwafika uMnu. Thabo Sokhwebe esithi mabaye eAlwal North apho kwakukho abachongi betalente.

Konke oko kwenzeka emva kokuphekwa ngamadoda aziwayo afana nooMnu. Ndonga noWonga Sishuba.

ULali waye wachongwa eAlwal North apho wayedlala nabantu abafana nooSbura Sithole, uBahle, uJuko nabanye.

Emjikelweni wesibini wokuhluzwa kwetalente zange aphatheke kakuhle uLali ngoba wohlukaniswa nabantu awayeqhelene nabo. “Sadlala imidlalo yokucweya eMthatha. Ndandiphelelwe lithemba apho ngoba ndavuka ndingaphilanga ncam. Sadlala neqela laseBhayi elalinoSiya Kolisi,” utshilo uLali owalala emgceni emva kokungena ixesha seliphela.

“USinovuyo wathi sehla kwelo cala lakho nto kaLali, ndavuma, watsho endinikela ibhola endaphekuza indoda enye phambi kwam ndalala emgceni. Saphumelela apho ngo’13- 11, kodwa zange akwazi ukuqabelisa ibhola uSinovuyo. Ngethamsanqa lam, yaba kukungena kwam kwiqela (Under-16) elaliza kudlala kwiCraven Week. Yaba ndim ndodwa owayephuma kwisikolo sabantu abamnyama kwiqela elalimele iBorder,” utshilo uLali.

Akonelisekanga uLali yinkqubela ayenzileyo embhoxweni kuba ebengenayo indlela neentsiba zokufikelela kwiindawo zoqeqesho olubhetele.

Andonelisekanga ngoba yayingekho nemali le yokuba ndiye enkampini yokuzilolonga. Lo nto yakhokelela ekuphosweni zizinto ezithile kwaye xa ungumdlali ongengowaseMonti wawungakhathalelwa ngokupheleleyo.

Ndandikurhalela ukudlalela iBlue Bulls kodwa ke akusafani ngoku.

Ndirhalela kubuye inkqubo yakudala embhoxweni waseMpuma Koloni – hayi le kuvele kuthathwe abantu sele bebadala emaqeleni abawadlalelayo.

Makubekho inkqubo yophuhliso eza kuvumbulula italente ezikolweni. Asinabo abantu abajongene ngqo nophuhliso ngoba abantu bakuthi babeka urhwaphilizo phambili,” utshilo uLali.