UMasuku angayiphakamisa iChippa

Emva kweeveki ezimbini kuvakala iindaba ngokuhamba kwabadlali abakhulu kwiChippa United, ekugqibeleni, kude kwafika umdlali othe qabavu noko. IiChilli-boys zamkele umdlali-siswini, uMenzi Masuku, ovela kwi-Oralndo Pirates ekhatshwa ngamatyendyana amabini; uThembinkosi Lorch noMaselaelo Seanego.

Ukufika kwaba badlali kulandela ezithendeni zikaNkosinathi Mthiyani, umdlali ochubekileyo kakhulu, odlale indima ebonakalayo kwisizini edlulileyo kweli qela lizinze eBhayi, othe wazibandakanya neBhakaniya kwiveki ephelileyo.

Njengokuba iChippa United seyiphulukene noMthiyane noJames Okwuosa futhi lingekacaci ncam ikamva labadlali abafana noThamsanqa Sangweni noJoseph Molangoane, bekunyanzelekile ifumane umdlali onokuthi akwazi ukulifunqula eli qela. UMasuku ngula mdlali unesakhono sokudlala ibhola futhi obonakalayo ukuba xa enikwe ithuba lokudlala nenkuthazo kuninzi anokwenza. Ngumdlali osemncinci ngokweminyaka, kodwa ukudlalela kwakhe iqela elikumgangatho ophezulu njengePirates, kuzakumnceda kwiChippa.

Umqeqeshi weChippa, uDan Malesela, yindoda edume ngokusebenza ngabadlali abatsha. Isakhono sakhe nokuqeqesha uMalesela nokukhuthaza abadlali zizixhobo zakhe ezenza abadlali kubelula ukukhupha onke amandla ebaleni.

Njengokuba kuvakala iindaba ezithi uMolongoane ufuna ukudlalela iKaizer Chiefs kwisizini ezayo, uMasuku lo ngumdlali ofanelekileyo kula ndawo yakhe.

Nangona bekhona abadlali abatyikitywe yiChippa, kodwa kusekho imfuneko yokuthenga abadlali abanamava ngakumbi phaya emva, ngoba kumke abadlali abathathu bonke.

Kwisizini ka’2015/16, iChippa United, izenzele imbali ngokuthi ifumane indawo yesithandathu kwiPremier Soccer League okokuqala.

Oko kukhuthaze umqeqeshi kakhulu, kule isizini uthi ufuna ukulwela indebe. Lo nto ayinakwenziwa ngabadlali abangenawo amava kwibhola ekwinqanaba eliphezulu.