UMasutha ubathembile abadlali beChippa

UMark Mayambela noKurt Lentjies ngabanye babadlali ekulindeleke bancede iChippa United xa idibana nePolokwane City ngempelaveki umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

IChippa United ayikaphuncuki engxakini – kodwa umqeqeshi wayo omtsha uJoel Masutha unethemba lokuphucuka kwezinto ekuhambeni kwexesha.

NgoLwesibini, iChippa United ibuye igoqoza nomnqongo wenqaku elinye emva kokudlala ntanganye ngegowuli elinye macala (1-1) neCape Town City emdlalweni weAbsa Premier Soccer League.

Liphantsi koxinizelelo kakhulu iqela laseMpuma Koloni emva kweziphumo ezingancumisiyo.

Ukubethwa kweChippa kutshanje ngaMaZulu kukhokelele ekugxothweni kukaEric Tinkler ongoyena mqeqeshi okwazileyo ukuphumelela imidlalo emibini. UMasutha uyincomile indlela abalwe ngayo abadlali bakhe eKapa.

“Indichukumisile kakhulu indlela abalwe ngayo abadlali bam. Ambalwa amaqela aza eKapa aphinde agoduke ephila. Kwisigaba sokuqala, iCape Town City isigqadazelisile kakhulu. Ewe, sizenzile iimpazamo ngamaxesha athile emdlalweni – kodwa into encomekayo kukuba iqela libonisile ukuba liyakufuna ukunyukela phezulu. Into endonelise ngakumbi yindlela abazimisele ngayo abadlali nangona kusekho iindawo endicinga ukuba zifuna ukusetyenzwa. Kufuneka abadlali badlale ngaphandle kwexhala ebaleni – kodwa ke indawo esikuyo iyakubetha ukuzithemba ebadlalini,” utshilo uMasutha emva komdlalo obuseKapa.

NgoLwesihlanu ngentsimbi yesibhozo ebusuku, iChippa United kunyanzelekile yohluthe amanqaku amathathu kwiPolokwane emdlalweni oseNelson Mandela Bay Stadium. Lo nto ingayiphucula indawo ekuyo phambi kokuvala unyaka.

UMasuta uxelele iintatheli eKapa okokuba abaqeqeshi akufuneki ibe ngabantu abangamagwala futhi into yokugxothwa kwabo yinto engaphaya kwamandla abo bengabaqeqeshi.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Black Leopards vs AmaZulu FC @Thohoyandou Stadium, 15:30; SuperSport United vs Maritzburg United @Mbombela Stadium, 18:00.

NgeCawe: Baroka FC vs Bidvest Wits @Peter Mokaba Stadium, 15:30