![B19AHMN12.jpg](https://isolezwexhosa.wpenginepowered.com/wp-content/uploads/2019/01/B19AHMN12-640x491.jpg)
Obefudula
eqeqesha iChippa United, uJoel Masutha, ukhale ngokucinezelwa kweqela kuba
lisendaweni yokugqibela kwi-Absa Premier Soccer League. UMasutha ugxothiwe yiChippa
ekuthiwa ithetha noClinton Larsen – ekulindeleke ukuba abhengezwe
njengomqeqeshi omtsha ingaphelanga le veki. IChippa ibethwe yi-Orlando Pirates ngamagowuli
amane kwamabini (4-2) emdlalweni wePSL obubanjelwe e-Orlando Stadium, eSoweto,
ngoLwesibini ebusuku. Elinye lamagowuli afakwe kwiChippa lifakwe ngumdlali wayo
ngempazamo. Umdlalo ogqithileyo ibingowesihlanu phantsi kukaMasutha – ongene endaweni
ka-Eric Tinkler ogxothwe kunyaka ophelileyo.
Emidlalweni
emihlanu, uMasutha akaphumelelanga namnye umdlalo, ubethwe kathathu waze
wadlala ntanganye kwimidlalo emibini. Kubekho ibhola ebethe esandleni somdlali
wePirates sekuphela umdlalo. UMasutha uthe bekufanele ukuba kukho abakufumeneyo
– kodwa lo nto ayenzekanga ngoba xa usezantsi kwiPSL, bonke abantu bakunyathela
ngeenyawo. “Xa ujonga umdlalo esiwudlale neWits, abantu bathi bekufanele
sifumene ipenela kodwa bekungekho kokuqala ndibona ipenela efanayo. Akekho
umntu okuhloniphayo xa usezantsi futhi soze bakuphathe ngendlela efanayo.
Siphathwa njengabajingelwa lizembe. Xa ujonga, usompempe zange ayikhombe
echaphazeni nakubeni umncedisi wakhe wayeliphakamisile ilaphu. Ikwa nguye lo
mncedisi kasompempe ongasinikanga ipenela kubanjwe ibhola ngesandla ebhokisini
kwisigaba sokuqala somdlalo. Ezi zinto zibonakala ngathi ziyenziwa ngoba naku
sisemsileni,” utshilo uMasutha.
Nangona uMasutha ebalisa
ngokucinezelwa – kodwa abadlali bakhe ababonisanga ukunxanelwa ukuwuphumelela
umdlalo. Umdlalo wabo ubengcono sekusondele ixesha lokuphela komdlalo phambi
kokufakwa kwegowuli lokugqibela yiPirates. “Xa usezantsi, kunzima kakhulu.
Kufanele sizame ukwazi ukuba kutheni uzinikele ngokuphindaphindeneyo – ngakumbi
xa udlala neqela elifana nePirates elinabadlali abahle. Ukuze ukwazi ukumelana
nabo nosompempe akwazi akuthethelele kwezinye izigqibo – kufuneka uqine.
Ndicinga ukuba ayigqibelisanga le nto. Ngubani ohlonipha iqela elisemsileni?
Akekho. Kubonakala ngathi senzelwa inceba xa sinikwa ipenela. Le yinto ekumele
sijongane nayo ngqo,” utshilo uMasutha. IChilli Boys idilize inqaba yabadlali.
Phakathi kwabo kukho uThabo Nthethe, uMigeul Tim, uJabulani Shongwe, uBuyani
Sali, uThato Mokeke okwiCape Town City, noJames Okwuosa oziqeqesha kwiHighlands
Park.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!