UMaswanganyi ubeke iPirates kumjikelo olandelayo weNedbank Cup

UPatrick Maswanganyi uncede iPirates ebethe iRichards Bay emdlalweni weNedbank Cup namhlanje. Umfanekiso: OP/Facebook

Amaqela ebhola ekhatywayo aqhubele phambili nokukhuphana namhlanje kwiNedbank Cup esoloko ishiya abantu bengakholelwa. Namhlanje emalanga, i’Orlando Pirates izibekele indawo kumjikelo olandelayo weNedbank Cup emva kokuba ibethe iRichards Bay ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obutaka iintlantsi eking Zwelithi Stadium.

Umdlalo ubuzinzile ekuqaleni kwawo ngoba omabini amaqela ebesafundana. Kodwa bathe bakuqala ukuhlangana abadlali bePirates baqala ukwenza ingxaki kwiRichards Bay etsala nzima kwakhona kule sizini. UPatric Maswanganyi ubakuzelise umnatha emzuzwini wamashumi amabini ananye emva kokudlalelwa ibhola entle nguNkotha noMofokeng kwicala lasekunene.

Kudlule imizuzu embalwa waphinda kwakhona uMaswanganyi yatsho yahamba phambili ngamagowuli amabini iPirates. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iBucs ilawula umdlalo. Akukho nto enokubaliswa neRichards Bay kwisigaba sokuqala somdlalo ngoba ayikwazanga ukumelana nabadlali bePirates abenze idemeshe embi. Kungenwe kwisigaba sesibini uxinizelelo lukwiRichads Bay

Bekunyanzelekile ukuba yenze into okanye ihlazwe ngamagowuli amaninzi yiPirates elwela ukuphumelela indebe yeNedbank ityeli lesine iminyaka ilandelelana. UYanela Mbuthuma ufake igowuli emva kwemizuzu emibini siqalile isigaba sesibini. Ilwile iRichards Bay phambi kwabalandeli bayo ikhangela igowuli lesibini. Ayikwazanga wade uTshegofatso Mabaso wafaka elesithathu kwaphela kanjalo iRichards Bay ebaleni layo.