UMaswanganyi uvuyela ukuba ngumdlali wePirates

Patric Maswanyanyi.

Sekuntsuku engumdlali omtsha we’Orlando Pirates – kodwa uPatrick Masanganyi usonganyelwe luchulumanco. Indedeba yakwaMasanganyi igalele kwiBucs kwinyanga ephelileyo isuka kwiSuperSport United – apho idlale kakuhle kakhulu phantsi kukaGavin Hunt isizini ephelileyo. UMaswanganyi uvakalise uvuyo lwakhe kutshanje watsho encoma nemfudumalo ayifumeneyo enkampini yePirates. ‘Kumnandi kakhulu kum ukuba ngumdlali weli qela. Uvuyo endinalo lundongamele ngoba ndiphakathi kwabadlali abasemgangathweni ophezulu kakhulu,’ utshilo uMaswanganyi oyitshaye isaqhuma kwiPirates ayincede emidlalweni yokucweya elungiselela isizini entsha yeDStv Premiership eza kuvulwa kwinyanga ezayo.

Ezimnyama zibethe iMaccabi Tel Aviv ngo’1-0 phambi kokulandelisa nge-Independiente del Valle ngo’3-1 emdlalweni wesibini kutyelelo lwaseYurophu. Kuloo midlalo yobuhlobo yomibini, uMaswanganyi ufake igowuli elinye emdlalweni ngamnye kuyo. UMawanganyi, ofike nabadlali abafana noSephelo Baloni, uKatlego Otladisa noMelusi Buthelezi, akasokolanga ukungena emdlalweni wePirates – mhlawumbi, ukuchitha kwakhe iminyaka emine kwilizwe lasePortugal kubenawo umthelela. Iqela likaJose Riveiro liza kuxakeka kakhulu kwiinyanga ezizayo ngoba liza kudlala imidlalo yeDStv Premiership elifuna ukubhukuqa kuyo iMamelodi Sundowns egqugqisayo kube kukho iMTN8 Cup neCAF Champions League eliza kuya kuyo.

‘Ndifikele ebadlalini abalungileyo futhi abandincedileyo njengomdlali ofikayo. Kwiintsukwana nje ndifikile, isakhono sam siye saphucuka futhi nendlela endidlala ngayo ikwizinga endilifunayo. Ndizimisele ukufunda ngebhola ekhatywayo. Ndizingca kakhulu ngokuba lapha ngoba ndifuna ukushiya umzila kwiPirates,’ utshilo uMaswanganyi. Ezimnyama kulindeleke zinyuse umxakatho kwisizini ezayo emva kokubamba indawo yesibini nendebe yeNedbank kwisizini egqithileyo. ‘Yinto enkulu kwiPirates ukudlala kwiCAF Champions League kwaye lithuba lokuqaqambisa izakhono zethu sidlala noompetha bebhola ekhatywayo. Ndifuna ukuthi kubalandeli mabasixhase ngoba sizimisele ukwenza umsebenzi ongcono emdlalweni ngamnye,’ uvale ngaloo mazwi uMaswanganyi. Isizini iza kuvulwa ekuqaleni kwenyanga ezayo.