UMatata uyithembile iChippa yakhe!

Mzingisi Matata

Emva kokuphoxeka kwabalandeli beChippa United yindlela edlale ngayo kwisizini egqithileyo, omnye wabalandeli bayo uthi ithemba unalo njengokuba kusondela isizini entsha.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiphilile Bhuti, unjani wena?

PM: Kuhle ngapha. Gqaba-gqaba, ungubani Mhlekazi?

Umlandeli: Igama lam ndinguMzingisi Matata. Ndihlala apha eMonti kwindawo ekuthiwa kuseAmalinda.

PM: Ndiyabulela ngokuzichaza. Khawutsho, kutheni uthanda iChippa United?

Mzingisi Matata: Eyona nto eyabangela ngizithandele iChippa United kungokuba lelona qela esinalo kweli phondo elidlala kwaPSL. Enye into endayithandayo luhlobo lwebhola iChippa eyidlalayo. Intle kakhulu, ingathi kudlala iBarcelona xa kudlala yona.

PM: Kodwa ungathi yintoni eyakutsalayo kwiChippa?

MM: Kudala ndandilandela iBush Bucks, kwathi xa kuvela iChippa le – ndalandela yona kuba izisa imidlalo emikhulu kwiphondo lethu. Enye into ebalulekileyo kukuba ndiyayithanda kakhulu ibhola.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale ngeChippa?

MM: Ukuvala kwayo isizini ikwiTop 8 kwisizini engaphaya kwale iphelileyo yaba yinto enkulu kakhulu. Ndabanebhongo kakhulu ngayo. Inye nje into endikhathazayo apha kuyo: kukuthengisa abadlali bayo abagqwesileyo.

PM: Unethemba kule sizini izayo?

MM: Ndinethemba elikhulu ke kwisizini ezayo. Ukufika kwabadlali abafana noKurt Lentjies yinto encomekayo kakhulu. Ndinethemba nyhani lokuba singaqhuba kakuhle ukuba bayamgcina uDan Malesela. Ngoyena mqeqeshi obangela sidlale ibhola entle.

PM: Ngubani umdlali omthandayo?

MM: Umdlali endimthandayo mna nguDaniel Akpeyi. Umdlalo umhle kwaye uyaphucuka. Ndiye ndavuya xa simbona edlalela iqela lasezwe laseNigeria kutshanje.